1. ISebe iWCED, lisebenzisana neTimes Media Education, livelise amakhasi kumaphephandaba azizongezelelo zokurivayiza (revision supplements) ukulungiselela amaBakala 10 no-12. U-Times Media uya kuzisa ezikolweni ezi zongezelelo ngethuba elisusela kwi-1 ukuya kwi-20 Septemba 2013.

2. Zakufika izongezelelo, kucelwa izikolo ukuba zizisayinele yaye zifake istampu kwifom ehamba nezinto eziziswayo njengobungqina bokuziswa kwazo.

3. Ezi zongezelelo zithathu zezi zilandelayo:
3.1 The Sunday Times Grade 10 Essentials

Esi songezelelo sifikelela kwimiba ebalulekileyo kwi-Accounting, Mathematics, Life Sciences nakwi-Physical Sciences abafundi abanokufumana inzima.

3.2 The Sunday Times Grade 10 Q & A

Esi songezelelo sinamaphepha emibuzo ayimizekelo neememo zokuwamakisha kwi-Accounting, Mathematics, Life Sciences, Physical Sciences nakwi-English First Additional Language. Siya kubanceda abafundi balungiselele iimviwo zabo.

3.3 The Sunday Times-Sowetan Matric Q & A

Kwacelwa ootitshala abaziinkokeli kumacandelo abo ukuba babhale imizekelo yamaphepha emibuzo emitsha neememo zokumakisha zeMathematics, Mathematical Literacy, Physical Sciences, Life Sciences, Accounting ne-English First Additional Language. Abafundi beBakala 12 bangasisebenzisa esi songezelelo ukuzilinganisa ukulungela kwabo iimviwo.

Esi songezelelo, nesaye satshekishwa ukuchaneka kwaso ngabacebisi ngezekharityhulam beSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke, sifumaneka ngesiNgesi nangesi-Afrikansi.


4. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:09:05