1. Ukwenzela ukuncedisa ootitshala nabafundi xa belungiselela uviwo lweBusiness Studies kwiBakala 12 (Grade 12 Business Studies examination) ngoNovemba 2014, kwakhutshwa iSetyhula No. 7 ka-2013 liSebe leMfundo esiSiseko ngenjongo yokucacisa istraksha sephepha loviwo lwe-Business Studies kwiBakala 12 njengoko livelayo kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)).
2. Itheyibhile ekwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo (ekwisiNgesi nakwisi-Afrikansi kuphela) inika istraksha sephepha loviwo lwe-Business Studies Grade 12, inkcazo ngecandelo ngalinye, ngamanqaku nangokwabiwa kwexesha. Ootitshala namagosa ekharityhulam kufuneka bayiqaphele ngokukodwa indlela elihlaziywe ngayo iCandelo B leli phepha.
3. Okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane makufundwe kunye neCAPS yeBusiness Studies eyakhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko, ngoJanuwari 2012. Nakuba kunjalo, makuqatshelwe kwakhona ukuba zilungisiwe iimpazamo kwiCAPS yaye inkcazo yomgaqo-nkqubo ehlaziyiweyo iza kuprintwa kwakhona. Okwakalokunje unokulufumana uluhlu lweempazamo (list of errata) ngokuthi uklikhe ku-"CAPS" kwihome page kwiziko lewebhu lesebe likazwelonke (national department's website) apha: http://www.education.gov.za
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane zonke iintloko zezifundo nootitshala beBusiness Studies bamaBakala 10, 11 no-12, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:08:28

IsiHlomelo A: "Structure of the CAPS Business Studies Grade 12 Examination Paper to be implemented November 2014"
(ubukhulu: 28 KB)