1. ISebe leMfundo esiSiseko, libambisene ne-National Heritage Council (NHC), licela zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwiprogram yemfundo enjongo ikukufikelela kuluntu xa lukhumbula uSuku lweNkcubeko eliLifa Lethu ngo-2013.

2. Olu khuphiswano luya kuba yinxalenye yegalelo leSebe leMfundo ekomelezeni ukufunda nokufundiswa kwezifundo zezeMbali nezoKhenketho (History and Tourism) ezikolweni. Ukhuphiswano lokugqibela lukazwelonke luya kubanjelwa eMarekele National Park kumda waseMntla Ntshona Limpopo ukususela nge-23-27 Septemba 2013. Kuya kukhethwa isikolo sibe sinye ukumela iNtshona Koloni kwesi siganeko sikazwelonke.

3. Le program yaqaliswa ngo-2008 ngenjongo yokubethelela kubantu abatsha ukubaluleka kokukhuthazwa nokulondolozwa kwenkcubeko elilifa lethu ephathekayo nengaphathekiyo yaseMzantsi Afrika. Le program kwakhona ikhuthaza ubumbano kwezentlalo (social cohesion), lo gama iqinisa ize ixhase ikharityhulam yesikolo ngokubuyisela kwakhona ubuntu base-Afrika.

4. Ikwayinxenye yephulo eliqhubeka okokoko leSebe leMfundo lokukhuthaza bonke abafundi ukuba bazi ngenkcubeko elilifa lethu neyantlukwano (diversity), yaye ikwalithuba kubafundi lokwazi ngezakhono zophando ezibalulekileyo.

5. UKHUPHISWANO LWABAFUNDI

Kuya kulindelwa ukuba abafundi benze izinto zibe MBINI:

5.1 Abafundi baya kusebenzisa ithempleyithi (isiHlomelo A) ukwenza iziko ledatha lenkcubeko elilifa lethu ephathekayo nengaphathekiyo esemngciphekweni okanye esengozini kwiindawo abahlala kuzo. Abafundi baya kunikwa imizuzu eyi-20 yokwenza inkcazo-ntetho ngezi ziphumo baze benze iingcebiso ngokuba ingalondoloza njani kwaye ikhuthazwe njani inkcubeko elilifa lethu esengozini.
5.2 Kulindeleke ukuba abafundi benze uphando baze benze inkcazo-ntetho (presentation) eya kuthatha imizuzu eli-10 ngomthetho i-1913 Land Act kunye nembali eshiywe ngulo mthetho. Inkcazo-ntetho yabo kufuneka ibandakanywe:

  • izizathu ezabangela ukuphunyezwa komthetho i-1913 Land Act
  • ukuphononongwa (assessment) kwemeko egqubayo ngoku malunga nobunini- mhlaba kwiRiphablikhi yoMzantsi Afrika
  • intetho ecingisiswe ngenyameko enkulu kwavelelwa zonke iinkalo (critique) zamanyathelo amiselwe ngurhulumente wethu ukuzama ukusombulula lo mba, kwakunye nokujonga ifuthe lala manyathelo ngokumalunga namandla okuveliswa kwezilimo nokudluliselwa kwezakhono zolimo
  • nokuxatyiswa kohlobo lomzabalazo esijongene nawo njengelizwe namhlanje xa kuthelekiswa nomzabalazo wenkululeko.
6. IIKHRAYITHERIYA

Makungqinelwane ngqo nezi khrayitheriya zilandelayo xa kuqatshelwa abathathi-nxaxheba:

6.1 Abafundi abane beBakala 10 abasuka kwisikolo esinye
6.2 Kwizikolo ekufundiswa kuzo izini ezahlukeneyo, makusetyenziswe ubuchule ekukhethweni kwamaqela (amantombazana ama-2 namakhwenkwe ama-2).
6.3 Olu khuphiswano luvuleleke kuphela ezikolweni ezikwiindawo ezihlelelekileyo.
6.4 Olu khuphiswano luvuleleke kuphela kwizikolo EZINGAKHANGE zithathe nxaxheba kuso nasiphi na kwezi ziganeko zilandelayo: Nkosi Albert Luthuli Oral History Competition, Heritage Education Outreach Programme, YCAP, SANParks Environmental Education Programmes kunye neMoot Court Competition.

7. IIKHRAYITHERIYA ZOKUVAVANYA INKCAZO-NTETHO
7.1 Iikhrayitheriya zokuvavanya eziya kusetyenziswa ukugweba inkcazo-ntetho kwinqanaba lephondo nakuzwelonke zikwisiHlomelo B.

8. INKQUBO YOKUGWEBA YEPHONDO
8.1 Izikolo ezinqwenela ukuthatha inxaxheba kolu khuphiswano mazizalise le fom yesicelo iqhotyoshelwe apha (isiHlomelo C) ize ibuyiselwe kumagosa ezithili zazo (kubacebisi ngezekharityhulam bezeMbali okanye bezoKhenketho) ungadlulanga owe-2 September 2013.
8.2 Kufuneka ootitshala bakhethe abafundi baze babalungiselele umjikelo wokukhiqana kukhuphiswano (elimination round) oqhubekela kwizithili zemfundo kunye nowephondo, baqinisekise ukuba bonke abafundi abangeneleyo bakhona yaye balulungele ukhuphiswano lwephondo, kwaye baqinisekise ukuba kwenziwa amalungiselelo ezothutho ayimfuneko ukuya nokubuya kukhuphiswano.
8.3 Kufuneka abafundi benze bagqibe uphando lwabo, benze iziko ledatha labo neenkcazo-ntetho zabo, bakulungele ukuphendula nayiphi na imibuzo emalunga neeprojekthi zabo kunye nophando lwabo, bakwazi ukucingisisa nokwabelana ngamava abo eprojekthi yophando.
8.4 Umjikelo wokugweba wephondo uya kuba ngoMgqibelo, we-7 Septemba 2013. Uya kukhokelela ekukhethweni kweqela lesikolo elinye eliya kukhethelwa ukumela iNtshona Koloni kwimijikelo yokhuphiswano lokugqibela kuzwelonke. Indawo oluya kubanjelwa kuyo iya kwaziswa zonke izikolo ezithatha inxaxheba, oko kusenziwa ngokudlula kubacebisi ngezekharityhulam bezeMbali nezoKhenketho. UNdlunkulu weSebe iWCED uya kuzihlawula zonke iindleko zokuhamba ukuya nokubuya kumjikelo wokugweba wephondo.
8.5 I-National Heritage Council (NHC) iya kuhlawula iindleko zohambo nezokulala zabafundi abathatha inxaxheba nootitshala ngethuba lokhuphiswano lukazwelonke eMarekele National Park kwiPhondo laseLimpopo ukususela nge-23 – 27 Septemba 2013.
8.6 Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noGqr K Angier kule nombolo yefoni 021 467 2251 okanye kule dilesi ye-imeyili kate.angier@westerncape.gov.za

9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:08:27

isiHlomelo A: IPROGRAM I-HERITAGE EDUCATION OUTREACH PROGRAMME – 2013  (ubukhulu: 36 KB)
isiHlomelo B: IProjekthi yeNkcubeko i-Heritage Education Outreach Project – Iphepha lamanqaku loMgwebi (Adjudicators’
score sheet
)
 (ubukhulu: 36 KB)
isiHlomelo C:  (ubukhulu: 37 KB)