1. Ukusiwa ezikolweni kwe-LTSM, i-Today Choices, kuya kuqhubeka ngoJulayi 2013 kwizikolo eziziisekondari zikarhulumente eziqhelekileyo ezikhethiweyo eziseNtshona Koloni.
2. Kuya kukhutshwa izikhokelo zootitshala ezine (kwiLOLT nganye) kuze kube yincwadi yezifundo enye kumfundi ngamnye okumaBakala 10 – 12 kulwimi lokufunda nokufundisa lwesikolo (kwiilwimi zokufunda nokufundisa zesikolo). Ezi ncwadi ziya kukhutshwa ngaphandle kwentlawulo zinikwe izikolo ezichaphazelekayo.
3. Ezi ncwadi kufuneka zithathwe njengeencwadi zokufunda nokufundisa zokongezelela emazisetyenziswe xa kufundiswa ngesihloko i-Development of the Self, ngokweNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement) wesifundo soLwazi ngezoBomi.
4. Ootitshala banokuzisebenzisa ezi ncwadi bakubanje bezifumene, nangona kusaza kulungiselelwa uqeqesho kusetyenziso lwazo.
5. Ukuba kukho ezishotayo kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi wesithili semfundo.
6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi beFET esikolweni ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:07:26