1. Le Ngcaciso iMfutshane imalunga neSetyhula S4 ka-2013, eyakhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko nge-26 Meyi 2013 inesihloko esithi: Editorial and layout changes made to the printed Curriculum and Assessment Policy Statements.

2. Kufunyaniswe iimpazamo zoLwimi, ezekhontenti nezimalunga nendlela yokubhalwa kweesimboli ezizodwa nezandi (technical errors), kwiiLwimi zase-Afrika (African languages) nakwiMathematika, kwiiNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements) kwezi zifundo zilandelayo:
2.1 Isigaba seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training phase)

  1. Afrikaans HL
  2. Agricultural Sciences
  3. Business, Commerce and Management Studies
  4. Computer Sciences
  5. Geography
  6. History
  7. IsiXhosa HL
  8. Life Sciences
  9. Mathematical Literacy
  10. Mathematics
  11. Sepedi FAL
  12. Sotho FAL
  13. Sesotho HL
  14. Tshivenda HL
2.2 ISigaba esiPhakathi

  1. Mathematics
2.3 ISigaba saBadala

  1. Mathematics
3. Ezi nkcazo zomgaqo-nkqubo zingentla sele zilungiswe ngokufanalekileyo yaye ziza kuprintwa kwakhona. Okwangoku, izilungiso sele zirekhodwe kuluhlu lweempazamo nolunokufunyanwa ngokuklikha kwilinki ye"CAPS" kwi-home page yeli ziko lewebhu leSebe, lilandelayo: http://www.education.gov.za

4. Iimpazamo ezinokufunyanwa ngethuba leeseshoni zoqeqesho kwiSigaba saBadala (AmaBakala 7 - 9) nakwiBakala 12 ngethuba lehafu yokuqala ka-2013, nazo ziya kufakwa kolu luhlu lweempazamo kweli ziko lewebhu lingentla apha.

5. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo kuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:07:04