1. IiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (Annual National Assessments (ANA)) ziya kubhalwa ukususela nge-10 ukuya ku 13 Septemba 2013. Ukuqinisekisa ukuba umfundi ngamnye ufumana iimvavanyo kwibakala elichanekileyo nangolwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching (LoLT)) oluchanekileyo, kubalulekile ukuba ubhaliso lwabafundi kumaBakala 1 - 6 no-9 lwenziwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS.

2. Iinqununu zezikolo zabanako ukufumana iifom zobhaliso lwabafundi ze-ANA ezazisele zifakwe ingcaciso ukususela nge-20 Februwari 2013, yaye zacelwa ukuba zingqinisise zize zisayinele ingcaciso yobhaliso lwabafundi ye-ANA ungadlulanga owe-26 Matshi 2013.

3. ISebe iWCED liqaphele ukuba asingawo onke amaxwebhu obhaliso lwabafundi e-ANA abonisa ingcaciso echanekileyo, yaye ke ngoko kucelwa ingcaciso ehlaziyiweyo yakutshanje. Ngokumalunga novavanyo lolwimi, kubalulekile ukuba kuqatshelwe le ngcaciso ilandelayo:
3.1 Umfundi ngamnye kufuneka abhale uvavanyo loLwimi novavanyo lweMathematika.
3.2 Uvavanyo ngalunye luya kuqhutywa ngolwimi lokufunda nokufundisa lomfundi.
3.3 Kwimeko yeSigaba esiPhakathi neSigaba saBadala, inqanaba lovavanyo loLwimi malibe linqanaba elifanayo nelo lenqanaba (loLwimi lweNkobe okanye loLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (Home Language or First Additional Language) lolo lwimi lufundwayo esikolweni.
3.4 Amanqanaba olwimi eemvavanyo acaciswa ku-3.5 no-3.6 apha ngezantsi.
3.5 Ulwimi lovavanyo kwiSigaba seSiseko (amaBakala 1 – 3)

Isifundo ULwimi lokufunda nokufundisa Ulwimi lovavanyo loLwimi Ulwimi lovavanyo lweMathematika
IsiXhosa uLwimi lweNkobe IsiXhosa IsiXhosa uLwimi lweNkobe IsiXhosa
I-Afrikansi uLwimi lweNkobe I-Afrikansi I-Afrikansi uLwimi lweNkobe I-Afrikansi
IsiNgesi uLwimi lweNkobe IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweNkobe IsiNgesi
seSotho uLwimi lweNkobe seSotho seSotho uLwimi lweNkobe seSotho

KwiSigaba seSiseko, ii-ANAs ziya kubonelelwa kwinqanaba loLwimi lweNkobe.

3.6 Ulwimi lovavanyo kumaBakala 4 - 6 no-9

Abafundi kumaBakala 4 – 6 no- 9 baya kuvavanywa kwisiNgesi okanye kwI-Afrikansi (kwinqanaba loLwimi lwaseKhaya okanye kwiNqanaba loLwimi lokuQala oloNgezelelweyo) njengoko kucacisiwe apha ngezantsi:

Isifundo Isifundo ULwimi lokufunda nokufundisa Ulwimi lovavanyo loLwimi Ulwimi lovavanyo lweMathematika
IsiNgesi uLwimi lweNkobe IsiXhosa uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweNkobe IsiNgesi
I-Afrikansi uLwimi lweNkobe IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo I-Afrikansi I-Afrikansi uLwimi lweNkobe I-Afrikansi
IsiXhosa uLwimi lweNkobe IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi
IsiNgesi uLwimi lweNkobe I-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweNkobe IsiNgesi
IsiXhosa uLwimi lweNkobe I-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo I-Afrikansi I-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo I-Afrikansi
3.7 Ingxelo iyafumaneka phantsi kwe-Assessment / ANA 2013 tab kwiCEMIS, yaye iya kubonisa iLoLT yeklasi nganye. Le ngxelo yesibini mayingqinisiswe ngutitshala oyintloko yebakala (grade head), ize isayinelwe yinqununu ungadlulanga umhla we-25 Apreli 2013.
3.8 Inkqubo yokungqinisisa ibaluleke gqitha njengoko ingcaciso iya kuthunyelwa kwiSebe leMfundo esiSiseko yaye iphinde isetyenziselwe iinjongo zokuprinta nokusa iimvavanyo ezikolweni.

4. Abafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa
4.1 Iinqununu zezikolo ezifundisa bonke abafundi (mainstream schools) ezinabafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa abalandela iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) nababhala ii-ANAs, mabangqinisise ukhubazeko oluphambili (primary disability) lomfundi ngamnye kwaba bafundi kwi-Learner Update sheet. Kubafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa ezintsha okanye ezingafakwanga kumaxwebhu obhaliso lwabafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa, inqununu mayingenise isicelo kuMcebisi wezeMfundo eneeMfuno eziZodwa wesithili semfundo, noya kuqwalasela ezi zicelo.
4.2 Izikolo ezifundisa bonke abafundi ezinabafundi abafuna iimvavanyo ezitshintshwe apha naphaya (adapted tests) (ibreyili, ifonti enkulu, iphepha lemibuzo labangevayo) mazibonise iimfuno zokutshintshwa apha naphaya (adaptation needs) zabafundi ngokuklikha kwicandelo leemfuno ezizodwa kwi-CEMIS.

5. Izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa
5.1 Izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezifundisa iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke kubafundi abakwibakala nakubudala obufanelekileyo, ziya kubhala ii-ANAs.
5.2 Ziyacelwa iinqununu zezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ukuba zingqininise abafundi ababhala ii-ANAs ngokuklikha kwi-"Assessments" link, zize ziklikhe ku-"SNE ANA Learners", naku-"Manage my learners". Makuboniswe ngetikhi ukuba ngabaphi na abafundi eklasini abaya kubhala ii-ANAs. Amaphepha emibuzo aya kunikwa aba bafundi kuphela.

6. Izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali liSebe iWCED

Izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali liSebe iWCED ezifundisa iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke kumaBakala 3 okanye 6, ziya kucelwa zibhale ii-ANAs. Izikolo ziya kubhala iimvavanyo zebakala elilelona liphezulu elifundiswa esikolweni umzekelo, kwisikolo esizimeleyo apho kukho abafundi beBakala 3 no-6, kuphela ngafundi beBakala 6 ekuya kufuneka babhale ii-ANAs.


7. Ukungqinisiswa okokugqibela kwedatha yobhaliso lwabafundi

Ziyacelwa iinqununu ziyingqinisise okokugqibela idatha yobhaliso lwabafundi ungadlulanga owe-25 Apreli 2013. Ziyacelwa ngokunjalo ukuba ziprinte uxwebhu lobhaliso lwabafundi zilusayine zize zilungenise kuBaququzeleli boVavanyo ungadlulanga umhla we-26 Apreli 2013. ABaququzeleli boVavanyo kufuneka bazise amaxwebhu obhaliso lwabafundi kwaNdlunkulu ungadlulanga umhla we-29 Apreli 2013.


8. Kucelwa amagosa ezithili zemfundo neenqununu ukuba bancede bakuthathele ingqalelo okukule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:04:09