1. Inani elinyukayo lezitenxo zeemviwo lixhalabisa ngokungathethekiyo iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED).
2. Ngokusebenzisa iintlanganiso zokugxininisa lo mba iSebe iWCED libalumkisile abaviwa ukuba bangenzi zenzo zigwenxa xa bebhala iimviwo. Nakuba kwenziwe ezi nzame, iqela labaviwa lisaqhubeka nokukopa, nokungena neeselula kumagumbi okubhalela iimviwo kunye nokuphazamisa iimviwo. Oku kukhokelela ekubeni iziphumo zabo zibhengezwe njengento elilize nengekhoyo (null and void) ngokwesiqendwana 2 seSiqendu 4 se-Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate) Ngoko ke abaviwa baye bathintelwe ekubhaleni iimviwo okwethuba lonyaka omnye ukuya kwemithathu.
3. Kubalulekile ukuba iinqununu zezikolo zithethe nabafundi rhoqo ngeziphumo zokunganyaniseki okanye zezenzo ezitenxileyo ngethuba lokubhalwa kweemviwo zeNSC.
4. Izitenxo ezixhaphakileyo eluviweni nezohlwayo ezifanelekileyo zinikwe kule theyibhile ilandelayo:

INo. Isitenxo Isohlwayo esiza kusetyenziswa okanye inyathelo eliza kuthathwa liSebe iWCED
(a) Umviwa ofunyenwe enezinto ezingagunyaziswanga (unauthorised material) ngethuba kubhalwa uviwo (umz. iinowuthsi, imemo)
  • Iziphumo zomviwa kwelo phepha loviwo ziya kubhengezwa njengento elilize nengekhoyo.
  • Umviwa unokuthintelwa ubuncinane kuviwo olunye uyokuma kwiimviwo ezintathu zeNSC ezilandela olo, kungabandakanywa iimviwo zokuxabangela zeNSC.
(b) Umviwa ofunyenwe enesixhobo (electronic device) esingagunyaziswanga (umz. iselula, i-programmable calculator) ngethuba bebhala uviwo
  • Iziphumo zomviwa kwelo phepha loviwo ziya kubhengezwa njengento elilize nengekhoyo.
  • Umviwa unokuthintelwa ubuncinane kuviwo olunye uyokuma kwiimviwo ezintathu zeNSC ezilandela olo, kungabandakanywa iimviwo zokuxabangela zeNSC
(c) Umviwa obanjwe ekopa okanye efumana uncedo komnye umviwa
  • Iziphumo zomviwa kwelo phepha loviwo ziya kubhengezwa njengento elilize nengekhoyo.
  • Umviwa unokuthintelwa ubuncinane kuviwo olunye uyokuma kwiimviwo ezintathu zeNSC ezilandela olo, kungabandakanywa iimviwo zokuxabangela zeNSC.
  • Ukuba kukho ubungqina bokuncedisana kwabaviwa ekwenzeni isitenxo (evidence of collusion), umviwa onika uncedo omnye uyakuthintelwa ubuncinane kuviwo olunye uyokuma kwiimviwo ezintathu zeNSC ezilandela olo, kungabandakanywa iimviwo zokuxabangela zeNSC
(d) Iinowuthsi zokukopa (crib notes) ezifunyenwe kwincwadi yeempendulo (examination answer book) kwiziko lokumakishela iimviwo okanye umviwa ofunyenwe eneenowuthsi zokukopa ngexa ebhala uviwo).
  • Iziphumo zomviwa kwelo phepha loviwo ziya kubhengezwa njengento elilize nengekhoyo.
  • Umviwa unokuthintelwa ubuncinane kuviwo olunye uyokuma kwiimviwo ezintathu zeNSC ezilandela olo, kungabandakanywa iimviwo zokuxabangela zeNSC
(e) Incwadi yeempendulo okanye i-answer sheet ethathwe kwigumbi lokubhalela uviwo yaza yangeniswa kamva.
  • Umviwa uya kufumana u-"0" kwi-answer sheet/incwadi yeempendulo leyo aphume nayo kwigumbi lokubhalela uviwo.
(f) Ukungeniswa komsebenzi ongenguwo umsebenzi womviwa
  • Iziphumo zomviwa kwelo phepha loviwo ziya kubhengezwa njengento elilize nengekhoyo.
(g) Ukudala isiphithi-phithi, okanye ukoyikisa abanye, ukunxiliswa butywala (intoxication), ukungahoyi amalungiselelo kunye/okanye imiyalelo yomgadi wabaviwa
  • Umviwa makalunyukiswe yaye, ukuba uyaqhubeka naloo ndlela yokuziphatha okanye nelo nyathelo, umviwa makakhutshwe kwindawo yokubhalela uviwo yaye aphulukane nethuba lokuqhubeka abhale elo phepha loviwo.
  • Iziphumo zomviwa kwelo phepha loviwo ziya kubhengezwa njengento elilize nengekhoyo.
  • Kungafakwa isimangalo kumangalelwe umviwa ochaphazelekayo ngokwaphula umthetho.
(h) Umviwa obhala izinto zakhe eziziintetho ezingafanelekanga okanye ezikrwada (improper or impertinent remarks) okanye owenza imizobo engamanyala (obscene drawings) kwincwadi yeempendulo yoviwo.
  • Iziphumo zomviwa kwelo phepha loviwo ziya kubhengezwa njengento elilize nengekhoyo.
5. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke abaviwa abaya kubhala iimviwo zeNSC kwakunye nabazali babo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:05:23