1. Kucelwa izicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya ezicaciswe kwisiHlomelo A, ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba yimodareyitha yangaphakathi, ummakishi oyintloko, isekela-mmakishi oyintloko nommakishi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zangoNovemba 2013 nakwiimviwo zokuxabangela (supplementary examinations) zangoFebruwari/Matshi 2014 (apho kubandekanyekayo) kwezi zifundo zilandelayo:

Afrikaans Home Language   Afrikaans First Additional Language
Afrikaans Second Additional Language   Agricultural Management Practices
Agricultural Science   Agricultural Technology
Computer Applications Technology   Civil Technology
Dance Studies   Design (Theory)
Dramatic Arts   English Home Language
English First Additional Language   Engineering Graphics and Design
Electrical Technology   isiXhosa Home Language
isiXhosa First Additional Language   isiXhosa Second Additional Language
Mathematics Paper 3   Mechanical Technology
Music   Religion Studies
Sesotho Home Language   Setswana Home Language
Visual Arts   Design (Practical)
Hospitality Studies   Tourism

2. Amagosa azanelisayo iikhrayitheriya zokuqeshwa (isiHlomelo A), nawafumana ireyithi yokupasa engu-70% ubuncinane kwiimviwo zeNSC ngo-2012 kwizifundo abazifundisayo kwizikolo zawo, ayacelwa ukuba enze izicelo kwezi zithuba zikhankanywe apha ngasentla. Kucelwa angenise ifom yesicelo (isiHlomelo B) ezaliswe zonke iinkcukacha ne-declaration form (isiHlomelo C) kwiSebe iWCED ungadlulangaowe-28 Matshi 2013.

3. Ukungeniswa kwezicelo
3.1 Zonke izicelo mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) yaye mazihanjiswe kunye nala maxwebhu alandelayo:

  • Ileta ehamba kunye nesicelo apho umenzi-sicelo anika kuyo izizathu zakhe zokwenza isicelo kweso sithuba.
  • Ifom ezaliswe ngokupheleleyo iDeclaration form, ikopi yayo iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane njengesiHlomelo C.
3.2 Bonke Abenzi-zicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:

  • Isivi (curriculum vitae)
  • Ikopi yesazisi (ID) sakhe eqinisekisiweyo
  • Ikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi semfundo/iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo
3.3 Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr M Cameron
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor, Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN, 8001

3.4 Izicelo mazifike kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-28 Matshi 2013. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, uyacelwa uqhagamishelane noMnu M Cameron kule nombolo yefoni 021 467 2964 okanye uMnu N Riddles kule nombolo yefoni 021 467 2992.

4. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano malunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

5. Le fom iqhotyoshelweyo yokuvuma ukuba uyifumene le ngcaciso imfutshane (IsiHlomelo D) mayizaliswe yinqununu yesikolo ize ibuyiselwe kwiSebe iWCED ungadlulanga umhla we-28 Matshi 2013.

6. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lweNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke ngeyona ndlela kwinkqubo yoviwo. ISebe iWCED liyazingca ngokuqesha kwalo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mazikwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokungqinelana noMthetho weNgqesho yooTitshala.

7. Kunyanzelekile ukuba iinqununu, abalawuli bezithili zemfundo, abaphathi beze-IMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba babenolwazi ngeekhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo. ICandelo Lolawulo Lovavanyo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.

8. ISebe iWCED lithembele kwintsebenziswano nenkxaso yenu kulo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:03:15

"Employment of Educators Act"  (ubukhulu: 71 KB)
isiHlomelo A: Iikhrayitheriya zokuqeshwa  (ubukhulu: 62 KB)
isiHlomelo B: "Application form"  (ubukhulu: 62 KB)
isiHlomelo C: "Declaration form"  (ubukhulu: 62 KB)
isiHlomelo D: "Acknowledgement of receipt"  (ubukhulu: 36 KB)