1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye ne-National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the General Education and Training Band (Government Gazette No. 29626 of 2007), ecacisa iimfuno ezingummiselo zokugqithela kwesinye isigaba kwiBakala 9.
2. Iimfuno ezingummiselo ezikhoyo ngoku zokugqithela kwesinye isigaba (progression) nokupasa uye kwelinye ibakala (promotion), njengoko zicacisiwe kwiGazethi kaRhulumente No. 29626, ziya kusetyenziswa kwiBakala 9 ngo-2013.
3. Izikolo eNtshona Koloni ziya kuqhubeka neeprogram zazo zovavanyo lwangaphakathi olwenziwa sisikolo yaye zibhale iimviwo zangaphakathi zazo kuzo zonke izifundo kwiBakala 9.
4. Iimviwo zangaphakathi zeBakala 9 eziza kubhalwa kwiKota 4 mazenze i-25% yamanqaku okupasa kwisifundo ngasinye.
5. Zonke ezinye iimvavanyo ezimiselweyo (formal assessments) kwiBakala 9 ziya kwenza i-75% yamanqaku okupasa okugqibela kwisifundo ngasinye.
6. Ishedyuli yokupasa yeBakala 9 iyafumaneka ngoku kwi-Centralised Education Management Information System, phantsi kwesi sihloko "Reports".
7. Njengoko bekusoloko kusenziwa kwixesha elidlulileyo, izikolo mazingenise ikopi yekhompyutha (electronic copy) yeshedyuli yokupasa yeBakala 9 kwi-ofisi yesithili semfundo sazo, ungadlulanga owe-04 Disemba 2013. ABaququzeleli boVavanyo mabangenise iCD enazo zonke iishedyuli zamanqaku zezikolo zazo kwiCandelo loLawulo loVavanyo ungadlulanga owe-09 Disemba 2013.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabazali abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
OBAMBELE: USEKELA MLAWULI –JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:01:14

"Government Gazette No. 29626 of 2007"  (ubukhulu: 894 KB)