1. Ii-Annual National Assessments (ANAs) zabhalwa ngabafundi abakwibakala 1-6 nele-9 kwizikolo ezizimeleyo ezinikwa inkxaso-mali ngurhulumente eziqhelekileyo nazezinye izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ukusukela ngomhla we 18 – 21 Septemba 2012.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libonelele isikolo ngasinye ngengxelo ye-ANA. Le ngxelo inokufikeleleka kwi-CEMIS. Klikha ku-"Assessments" uze uhle ngekhesa de uye kufika ku-"ANA 2012 report". Le ngxelo ithelekisa iziphumo zesikolo ngasinye kunye nezo zesekethe yaso, zesithili semfundo saso nezephondo.
3. Iinqununu zezikolo namagosa ezithili zemfundo maziqaphele ukuba ingxelo ye-ANA ka 2012 iyafumaneka kwiziko lewebhu i-EduInfoSearch website phantsi kuka-"Numeracy/Literacy Competency Assessment". Khetha u-"Annual National Assessments" uye ku-"Results by Grade (Report)" ukufikelela kwidatha.
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:01:01