1.1 |
Kuye kwasetwa imisebenzi yovavanyo lweeprakthikhali (practical assessment tasks) (PAT) kwizifundo ezikhethiweyo liSebe leMfundo esiSiseko (DBE).
|
1.2 |
Ezi PAT zivavanywa ngaphakathi ezikolweni zize zimodareyithwe ngamagqiza angaphandle, kwalapha ngaphakathi kwiphondo. |
2. |
Izifundo ezibandakanya i-PAT zezi: |
2.1 |
Agricultural Management Practice, Agricultural Technology |
2.2 |
Dance Studies, Design, Dramatic Arts, Music, Visual Arts |
2.3 |
Computer Applications Technology, Information Technology |
2.4 |
Consumer Studies, Hospitality Studies, Tourism |
2.5 |
Civil Technology, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Mechanical Technology |
3.1 |
Lengcaciso emfutshane ihamba neCD enemisebenzi yovavanyo lweeprakthikhali ka-2013 kunye nezikhokelo zemisebenzi yovavanyo lweprakthikali. |
3.2 |
Ezi zikhokelo ze-PAT ziqhotyoshelweyo mazinikwe ootitshala bezifundo abachaphazelekayo ukwenzela ukuba bakwazi ukusebenzisa la maxwebhu ekubhajetheleni kwa nasekucwangciseleni ukwenziwa kwezimvavanyo kwiikota ezintathu zokuqala zika-2013. |
3.3 |
Kuya kunikwa inkxaso ngabacebisi ngezekharityhulam abachaphazelekayo nabacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abachaphazelekayo kwezi zifundo (relevant subject curriculum advisers and senior curriculum planners) ekuhambeni konyaka. Ngako oko ke kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayaya kwiintlanganiso zezithili ezisingathe ukuvavanywa nokumodareyithwa kwee-PAT. |
4. |
Ziyacelwa iinqununu namagosa ezithili zemfundo ukuba zibone okokuba okuqulathwe yile ngcaciso imfutshane kuyaziwa ngootitshala, abafundi kunye nabazali. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:01:01
|
|