1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libulela zonke izikolo ezithathe inxaxheba kwiiMvavanyo zikaZwelonke ezenziwa qho ngoNyaka ii-Annual National Assessments (ANA) zango-2012.
2. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) libonise okukuba ii-ANAs zango-2013 ziya kubhalwa ngekota yesithathu, ukususela nge-10 ukuya kwi-13 Septemba 2013.
3. Onke amaqela angoontanga abafundi bamaBakala 1 ukuya ku-6 neBakala 9 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kunye nakwizikolo ezizizmeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente kuya kufuneka zibhale ezi mvavanyo ngo-2013. Ithayimthebile iya kuba nokufumaneka yakuba nje ifikile ukuvela kwiSebe leMfundo esiSiseko.
4. Zonke iincwadi zeempendulo zamaBakala 1 – 6 no-9 ziya kuphinda zimakishwe ezikolweni ngootitshala bezifundo ezo zibandakanyekayo, njengokuba kwakunjale ngo-2011 nango-2012. Nceda bandakanya oku kwizicwangciso zakho zesikolo.
5. ISebe iWCED liya kuphinda kwakhona lithembele kwinkxaso yenu ukuqinisekisa ulawulo nokubhalwa ngempumelelo kwezi mvavanyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:01:01