1. Inkqubo nemihla yotshintsho lwezifundo ihlala iyileyo icaciswe kwi-National Policy Pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement Grades R – 12.
2. Umfundi unokutshintsha izifundo ezibini ezona zininzi kwiBakala 10, ngokuxhomekeka ekubeni oku kwenziwa ngaphambi kwe-31 Julayi 2014.
3. Umfundi unokutshintsha izifundo ezibini ezona zininzi kwiBakala 11, ngokuxhomekeka ekubeni oku kwenziwa ngaphambi kwe-28 Februwari 2014.
4. Kukwiimeko ezizodwa kakhulu – umzekelo, xa umfundi asuka kwelinye iphondo okanye kwesinye isikolo – apho umfundi anokutshintsha isifundo esinye kwiBakala 12, ngokuxhomekeka ekubeni oku kwenziwa ngaphambi kwe-31 Januwari 2014.
5. Emva kokuthunyelwa ezikolweni kweeshedyuli ezandulelayo (preliminary schedules) zango-2013 zeBakala 12 ukwenzela ukungqinisiswa nokusayinelwa kwazo, kwabakho ubungqina bokuba ezinye iinqununu zezikolo zazingazange ziyilandele inkqubo yotshintsho lwezifundo njengoko kwaye kwenziwa utshintsho lwezifundo ezininzi selidlule ixesha loko kwiishedyuli ezandulelayo.
6. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) alinako ukuqhubeka lisamkela utshintsho lwezifundo emva kwexesha okanye livumele ukutshintsha izifundo kwiishedyuli ezandulelayo ezingenisiweyo (submitted preliminary schedules). Ukususela ngo-2014 ukubheka phambili, kuya kuthathwa amanyathelo ngakwizikolo neenqununu eziqhubeka nokungayihoyi inkqubo eyimfuneko nemihla yokuvala utshintsho lwezifundo.
7. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke libanga lemfundo leminyaka emithathu (a three-year qualification) yaye isifundo ngasinye masifundwe kwiBakala 10, 11 nakwiBakala 12. Abaviwa abanakufaka zicelo ekuqaleni kweBakala 12 zokuba babhalisele isifundo esingaphezu kwenani elifunekayo (extra subject).
8. Ukwenzela ukufaka isicelo sokutshintsha isifundo, makuzaliswe uxwebhu lwemvumelwano (memorandum of agreement) ngumzali, yinqununu nangutitshala. Uxwebhu lwemvumelwano (IsiHlomelo A) luya kuthatha indawo yeeleta emazingeniswe ngamaqela omathathu achaphazelekayo njengoko kucacisiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0014/2012. Ikopi nganye yesiHlomelo A ezalisiweyo mayigcinwe efayilini esikolweni ukwenzela ukuba i-ofisi yesithili iyifumane yakwenza isicelo soko.
9. Ziyacetyiswa izikolo ukuba zinike ngamnye umfundi weBakala 12 ingxelo yobhaliso i-Centralised Educational Management Information System (CEMIS) registration report ungadlulanga owe-24 Januwari 2014 yaye umfundi ngamnye makasayine ukuba izifundo zakhe zichanekile. Naziphi na iimpazamo mazilungiswe kwi-CEMIS phambi koLwesihlanu we-31 Januwari 2014, kusetyenziswa iifasilithi zokwenza izilungiso ezikwiCEMIS.
10. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba idatha yobhaliso kwiCEMIS isetyenziselwa ukubhalisa abaviwa beBakala 12 kwi-Integrated Examination Computer System (IECS). Le data isetyenziselwa ukuprinta iishedyuli ezandulelayo (preliminary schedules). Ukuchaneka kwedatha yeCEMIS yamaBakala 10 – 12 kubaluleke gqitha ekuthinteleni utshintsho lwezifundo kwiishedyuli ezandulelayo.
11. Kucelwa iinqununu namagosa ee-ofisi zezithili zemfundo ukuba bazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:11:29

IsiHlomelo A: "Memorandum of agreement"  (ubukhulu: 57 KB)