1. Ukuphunyezwa kweNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement) kwiBakala 10 - 12 kwenze kwafuneka ukuba kubekho iinguqu kwistraksha soviwo lweMathematika. Izihloko ezinjengo-Probability and Euclidean Geometry ngaphambili beziviwa kuphela kwiMathematika iPhepha 3 elibhalwa ngokuzikhethela. Ngoku icandelo le-Probability liya kuviwa kwiMathematika iPhepha 1 ize i-Euclidean Geometry iviwe kwiMathematika iPhepha 2.

2. ISebe leMfundo esiSiseko lisete amaphepha afanayo kwiMathematika yeBakala 11, aya kubhalwa nge-6 ne-8 Novemba 2013. IMathematika iphepha lokuqala (Paper 1) liya kubhalwa nge-06 Novemba 2013 ngo- 09:00 ukuya ku- 12:00 lize iphepha lesibini (Paper 2) libhalwe nge 08 Novemba ngo-09:00 ukuya ku 12:00.

3. Izikolo ziya kuzikhethela ukubhalwa kwephepha elifanayo, kwaye oku kuya kwiCandelo leKharityhulam yeFET kuqhutywa ezikolweni esezibonise ukuba ziyakunqwenela ukubhala la maphepha emibuzo.

4. Izikolo ezingazukubhala amaphepha emibuzo afanayo mazikopele amaphepha emibuzo neememoranda zokumakisha kwiziko lewebhu leSebe iWCED, emva kwe-8 Novemba 2013 basebenzise iinkqubo ezichazwe apha ngezantsi.
4.1 Yiya ku-http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/
4.2 Klikha ku-"Assessment Management / FET Assessment".
4.3 Klikha ku-"Downloads" kwibha esekhohlo.
4.4 Klikha ku-"Grade 11 Mathematics Common Paper" uze ukopele amaphepha emibuzo nememoranda yokumakisha.

5. Ziyacelwa iinqununu nabacebisi beKharityhulam ukuba zazise bonke ootitshala neentloko zeMathematics okokuba bakuthathele ingqalelo oku kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:11:04