1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iSebe iDBE) licele iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) ukuba liqinisekise ukuba bonke abazali babafundi ababebhale iiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (ANAs) ngo-2013 abakumaBakala 1 – 6 neBakala 9 bayayinikwa iripoti engenkqubo yabantwana babo. Le ngxelo mayiqulathe amanqanaba kunye neepesenti ezizuzwe ngumfundi, i-avareji yamanqaku ezifundo kwisikolo eso kunye neekhomenti zootitshala ngezinto aziphumeleleyo kwanezo nkalo zisafuna ingqwalaselo.
2. Ifom yokubhala iripoti iya kufumaneka ukususela nge-21Oktobha 2013 kwi-Centralised Education Management Information System phantsi kwethebhu u-"Assessments". Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba kuthunyelwa iiripoti zabafundi ebazalini ungadlulanga owe-31 Oktobha 2013.
3. ISebe iWCED liwuncoma ngokungazenzisiyo umsebenzi owenziwe ngootitshala neenqununu ekulawuleni, ekuqhubeni nasekumakisheni ii-ANA, likwacela izikolo zicazulule (analyse) iziphumo zazo zee-ANA zize zizisebenzise ukomeleza inkqubo yokufunda nokufundisa.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:10:21