1. Ukuqinisekiswa komgangatho weenkqubo zeemviwo kuwo onke amanqanaba kubaluleke gqitha ekuqinisekiseni ukuthembeka kweziphumo zeemviwo. Oku kubandakanya utyelelo, olungayi kwaziswa abo batyelelwayo, kumaziko okubhalela iimviwo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba zonke iinkqubo zenziwa ngendlela eyiyo nangokungqinelana nemigaqo yokuqhutywa kweemviwo, yokubhalwa kwazo nokulawulwa kwazo.

2. Abameli abavela kule mibutho mithathu ilandelayo baya kubeka esweni iinkqubo zeemviwo kumagumbi okubhalela iimviwo:
2.1 KwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED): Njengoko bekunjalo kwixa elidlulileyo, abaphathi beekomiti zeesekethe, amagosa eCandelo le-IMG, abaphathi beze-IMG, amalungu eekomiti zeesekethe kunye namalungu eCandelo eliyiNtloko leeMvavanyo neeMviwo aya kutshekisha ukuba ngaba iinkqubo zeemviwo zenziwa ngendlela eyiyo na;
2.2 Ku-Umalusi - IBhunga lokuQinisekisa uMgangatho kwiMfundo Ngokubanzi nakwiMfundo noQeqesho eluQhubelekayo (Council for Quality Assurance in General and Further Education and Training);
2.3 KwiSebe leMfundo esisiSeko likaZwelonke; na
2.4 KwiSebe leMfundo noQeqesho oluPhakamileyo.

3. Kuqeshwe amagosa okubeka esweni iimviwo avela ku-Umalusi, kwiSebe leMfundo esisiSeko likaZwelonke nakwiSebe leMfundo noQeqesho oluPhakamileyo ukulungiselela ngokukodwa le njongo yaye akayi kunyanzeleka ukuba akhatshwe ngamagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni xa etyelela amaziko eemviwo.

4. Abaphathi beekomiti zeesekethe, abaphathi beze-IMG okanye amalungu angamagosa eekomiti akayi kubeka esweni iimviwo kwiisekethe zawo kuphela.

5. Onke amagosa okubeka esweni iimviwo aya kuba nezazisi zawo yaye aya kutshekisha zonke iinkqubo zeemviwo, umzekelo, ukukhutshwa kwamaphepha emibuzo eemviwo kumagumbi anqatyisiweyo, ukugcinwa ngokhuselekileyo nokugcinwa kwamaphepha emibuzo eemviwo kumagumbi anqatyisiweyo okanye isefu, ukubhalwa kanye kweemviwo kwiindawo zokubhalela iimviwo, nokugadwa kwabaviwa.

6. Akukho mntu omakavunyelwe ukuba angene kwigumbi lokubhalela uviwo engasibonisanga isazisi esamkelekileyo esivela ku-Umalusi okanye kwiSebe leMfundo esisiSeko likazwelonke okanye ileta yokuqeshwa kwakhe njengomntu obeke esweni iimviwo (monitor) evela kwiSebe i-WCED. Ukuba kukho nayiphi na intandabuzo ngokuzazisa komntu, intloko yeziko mayifonele ngokukhawuleza uMlawuli weCandelo lezoLawulo lweeMvavanyo (uNksk Z Modimakwane) kwezi nombolo 021 467 2057 / 071 683 6286, uMlawuli weCandelo lezoLawulo lweeMviwo (Examination Administration), (uMnu AP Clausen) kwezi nombolo: 021 467 2945 / 082 773 9980, uMnu J Parbhoo kule nombolo 021 467 2572 okanye uMnu TJ Magwaca kule nombolo 021 467 2626.

7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyayixhasa le nkqubo yokubekwa esweni kweemviwo yaye aliyithandabuzi into yokuba iinkqubo zeemviwo kwizikolo zalo zilawulwa ngokuthembekileyo. Ziyacelwa ke ngoko iintloko zamaziko emfundo achaphazelekayo ukuba zisebenzisane namagosa okubeka esweni iimviwo ngandlela zonke.

8. Aye acelwa amagosa okubeka esweni iimviwo ukuba makazixele kwi-ofisi yentloko yeziko xa efika aze enjenjalo naxa esimka. Ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zisayine isixhobo sokubeka esweni iimviwo (monitoring instrument) yaye ziqinisekise ukuba igosa lokubeka esweni iimviwo liyayisayina iRejista yaMagosa okuBeka eSweni iiMviwo (Register for Monitors).

9. Okuhamba nale ngcaciso imfutshane lixwebhu (Izihlomelo A) elisisixhobo sokusetyenziswa ekubekeni esweni iimviwo neliza kusetyenziswa ngethuba kubhalwa iimviwo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:10:18

Izihlomelo A: "Instrument to be used for the monitoring of the Writing Phase"  (ubukhulu: 78 KB)