1. Zazixelelwe izikolo ngokulawulwa, ukuqhutywa nokubhalwa kweeMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (ANA) ngeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0017/2013
2. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukungqina ukuba bangavunyelwa abafundi beSigaba seSiseko (amaBakala 1 – 3) ukuba basebenzise izixhobo zokufundisa ezimiselwe kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (CAPS) we-Mathematika.
3. Ezi zixhobo zokufundisa ziqalela kwii-counters, 100 charts, number lines zabafundi kunye nazo naziphi na ezinye izixhobo zokufundisa abafundi abaqhele ukuvunyelwa bazisebenzise ukusombulula iqhina elinzima (a problem).
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beSigaba seSiseko abachaphazelekayo kunye nabagadi beemviwo ukuze bakuthathele ingqalelo. (invigilators)


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:09:06