1. Imisebenzi yeemvavanyo eziqhubekela kumaziko (site-based assessment (SBA)) eMfundo noQeqesho lwaBadala ze-ABET Level 4 isetwa ize imodareyithwe liSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho.
2. Kufuneka abafundi benze imisebenzi yovavanyo emiselweyo emihlanu kwinkalo yesifundo ngasinye. Ewonke amanqaku omsebenzi ngamnye angu-50.
3. Imakhishithi eqhotyoshelweyo ifumaneka ekhompyutheni (iluxwebhu lweMicrosoft Excel) yaye amanqaku okugqibela e-SBA omfundi ngamnye abalwa ngokuzenzekelayo ngomatshini ukwenzela ukuqinisekisa ukubalwa ngokufanayo (uniformity) kwamanqaku e-SBA kuzo zonke iinkalo zezifundo kuwo onke amaziko e-ABET nakwizithili zemfundo.
4. Yonke imiba yolawulo emalunga nee-SBA iluxanduva lomphathi weziko yaye makaqinisekise ukuba bonke ootitshala basebenzisa imakhishithi eqhotyoshelweyo ekwenzeni amanqaku e-SBA ka-ABET Level 4.
5. Kucelwa abaphathi bamaziko nabacebisi ngezekharityhulam bazise bonke ootitshala baka-ABET Level 4 okokuba bathathele ingqalelo oku kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:08:30

"ABET Level 4 SBA Mark Sheet"  (ubukhulu: 41 KB)