1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMvavanyo 0010/2013 yaye inika imihla emayilandelwe ngqo yokubhalwa komsebenzi wovavanyo okumgangatho ofanayo (common assessment task) (CAT)) weBakala 12 kwisifundo soLwazi ngezoBomi, ekufuneka ukuba ubhalwe zizo zonke izikolo ezilungiselela abaviwa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC).
2. Umhla wokubhalwa kwe-CAT useyi-4 Septemba 2013, ibhalwa ukuqala ngo-09:00 – 10:30 kusasa, njengoko kucacisiweyo kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMvavanyo 0010/2013.
3. ISebe leMfundo esiSiseko lazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni kwiSetyhula E13 ka-2013 ukuba ingxoxo engesikhokelo sokumakisha sikazwelonke se-CAT kwisifundo soLwazi ngezoBomi iya kuqhubeka nge-9 nange-10 Septemba 2013.
4. Isikhokelo sokumakisha sokugqibela siya kufumaneka ezikolweni ingadlulanga i-13 Septemba 2013.
5. Ukumakisha makuqale nge-13 Septemba 2013 yaye kugqitywe ingadlulanga i-19 Septemba 2013.
6. Ukumodareyitha kwephondo kwe-CAT yesifundo soLwazi ngezoBomi kuya kuqhubeka nge-25 nange-27 Septemba 2013.
7. Kufuneka umcebisi ngezekharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi kwi-ofisi yesithili semfundo amodareyithe isampula yeencwadi zeempendulo (sample of scripts).
8. Kuya kuthunyelwa ezikolweni imakhishithi eyodwa (special mark sheet) ngoSeptemba 2013 yokurekhoda amanqaku e-CAT. Le makhishithi mayiziswe kumcebisi ngezekharityhulam ngethuba leseshoni yokumodareyitha ihamba kunye nenye imakhishithi eyakhutshwa ngenjongo yokurekhoda umsebenzi wesifundo soLwazi ngezoBomi obhalelwa esikolweni.
9. Inqununu yesikolo iya kuba ngumgadi wabaviwa oyintloko ukulungiselela ukulawulwa kwe-CAT yesifundo soLwazi ngezoBomi yaye mayiqinisekise ukuba yonke imiqathango nemithetho ephathelele kwiimviwo ze-NSC iyalandelwa ngqo.
10. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke ootitshala nabafundi beBakala 12 besifundo soLwazi ngezoBomi ukwenzela ukuba bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:08:15