1. |
Ii-Annual National Assessments (ANA) zicwangciselwe ukubhalwa ukususelsa nge-10 ukuya kwi-13 Septemba 2013 zizo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente nazizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezithile. |
2. |
ISebe leMfundo esiSiseko livelise imibuzo eyimizekelo kwibakala ngalinye nakwisifundo ngasinye. Le mibuzo eyimizekelo ayizomvavanyo koko yimibuzo eziindidi ngeendidi izikolo ezinako ukuyisebenzisa ukuncedisa abafundi xa belungiselela ii-ANA. |
3. |
Iindidi zemibuzo eyimizekelo kwisifundo nakwibakala ngalinye zikwabonisa umhlaba omawufikelelwe yikhontenti yesifundo ukulungiselela ii-ANA zango-2013. |
4. |
Ngokuphendula imibuzo emininzi kangangoko kunokwenzeka, abafundi baya kubanako ukuzithemba ekuphenduleni imibuzo ecwangciswe ngeendlela ezahlukeneyo yaye bakulungele ngokungaphezulu ukubhala ii-ANA zango-2013. |
5. |
Le mibuzo eyimizekelo ikwaziimodeli zeendidi zemibuzo ootitshala abanokuzisebenzisa kwiimvavanyo zabo eziqhubekela ezikolweni. |
6. |
Ukufumana imibuzo eyimizekelo kwi-Intanethi, yiya ku: http://wced.school.za/home/home.html emva koko uklikhe ku-"Teaching/Curriculum Support" uklikhe ku- "Assessment Management", uklikhe ku-"GET Assessment", uklikhe ku-"Annual National Assessments", uklikhe ku-"Annual National Assessments 2013" naku- "Annual National Assessments Exemplar Questions". |
7. |
Kulindeleke ukuba abacwangcisi bekharityhulam abakhulu nabacebisi ngezekharityhulam kwiphondo nakwizithili zemfundo babancedise ootitshala ekusebenziseni imibuzo eyimizekelo, ukuphucula ukuzithemba kwabafundi xa bebhala ii-ANA. |
8. |
Ziyacelwa iinqununu nabacebisi ngezekharityhulam ukuba bazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-T SINGH
UMLAWULI OYINTLOKO WECANDELO LOVAVANYO NEEMVIWO
UMHLA: 2013:08:12
|
|