1. IMimiselo neMigangatho kaZwelonke yokuXhasa iZikolo ngeMali efakelwe izilungiso (amended National Norms and Standards for School Funding) ("iGazethi kaRhulumente No. 33973, kuqhotyoshelwe iSaziso 48), ibonisa ukuba iiMvavanyo zikaZwelonke zoNyaka (Annual National Assessments (ANA)) zeBakala 3 okanye zeBakala 6, ziya kusetyenziselwa ukujonga indlela abaphumelela ngayo abafundi (learner achievement) kwizikolo ezizimeleyo ezifanele ukufumana inkxaso-mali.
2. Le ngcaciso imfutshane yazisa zonke izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente nezifundisa amaBakala 3 okanye 6 ukuba kufuneka zibhale ii-ANA ukususela nge-10 – 13 Septemba 2013, njengoko kubonisiwe kwithayimthebhile eqhotyoshelweyo. Ii-ANA ziya kubhalwa nokuba ngaba ngabafundi beBakala 3 okanye beBakala 6 esikolweni, nokuba leliphi na ibakala kula mabakala mabini elifundiswayo esikolweni elilelona liphezulu.
3. Umfundi ngamnye uya kubhala uvavanyo loLwimi novavanyo lweMathematika. Uvavanyo ngalunye luya kwenziwa ngolwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching) lomfundi.
4. Kwimeko yeSigaba seSiseko, ii-ANA ziya kwenziwa kwinqanaba loLwimi lweeNkobe njengoko kubonisiwe kule theyibhile ingezantsi.

Ulwimi lovavanyo kwiBakala 3

Isifundo Ulwimi lokufunda nokufundisa Ulwimi lovavanyo: uLwimi Ulwimi lovavanyo: iMathematika
IsiXhosa uLwimi lweeNkobe IsiXhosa IsiXhosa uLwimi lweeNkobe IsiXhosa
I-Afrikansi uLwimi lweeNkobe I-Afrikansi I-Afrikansi uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi
IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi
seSotho uLwimi lweeNkobe seSotho seSotho uLwimi lweeNkobe seSotho
5. Ulwimi lovavanyo kwiBakala 6

Kwimeko yeSigaba esiPhakathi, uvavanyo loLwimi malufane nolo lwenqanaba olo lwimi olufundwa ngalo esikolweni (uLwimi lweeNkobe okanye uLwimi loKuqala oLongezelelweyo). Abafundi kwiBakala 6 baya kuvavanywa nokuba kungesiNgesi okanye kungesi-Afrikansi (nokuba kukwinqanaba loLwimi lweeNkobe okanye kwinqanaba loLwimi loKuqala oLongezelelweyo) njengokuba kucacisiwe apha ngasezantsi:

Isifundo Isifundo Ulwimi lokufunda nokufundisa Ulwimi lovavanyo: uLwimi Ulwimi lovavanyo: iMathematika
IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiXhosa uLwimi loKuqala oLongezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi
Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi
IsiXhosa uLwimi lweeNkobe IsiNgesi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo IsiNgesi
IsiNgesi uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi
IsiXhosa uLwimi lweeNkobe Isi-Afrikansi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo Isi-Afrikansi Isi-Afrikansi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo Isi-Afrikansi
Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe IsiNgesi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo IsiNgesi IsiNgesi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo IsiNgesi
6. Ukuqinisekisa ukuba abafundi bafumana inani elichanekileyo leemvavanyo ngolwimi oluchanekileyo lokufunda nokufundisa, ingcaciso engobhaliso lwabafundi mayiboniswe ngokuchanekileyo kwi-Centralised Education Management Information System (CEMIS). Ingxelo ifumaneka wakucofa le tab "Assessments/ANA 2013" kwiCEMIS, yaye iya kubonisa ulwimi lokufunda nokufundisa ngeklasi nganye. Le ngxelo mayingqinisiswe yintloko yebakala (grade head), ize isayinwe yinqununu ungadlulanga owe-15 Agasti 2013.
7. Ukwenzela ukuncedisa izikolo ngamalungiselelo okubhalwa kwee-ANA, iSebe leMfundo esiSiseko lenze isikhokelo sovavanyo sebakala ngalinye nesesifundo ngasinye (kuLwimi neMathematika), esicacisa ikhontenti yesifundo emayifundiswe zizikolo phambi kokubhalwa kwee-ANA. Ezi zikhokelo sele zithunyelwe kwii-ofisi zezithili zemfundo yaye zifakiwe nakwiziko lewebhu le-GET Assessment. Ukufumana ezi zikhokelo, kucelwa uye ku-http://wced.school.za/home/home.html uze
uklikhe ku-"Teaching/Curriculum Support",
uklikhe ku-"Assessment Management",
uklikhe ku-"GET Assessment",
uklikhe ku-"Annual National Assessments 2013", uze
uklikhe ku-"Annual National Assessments Guidelines 2013".
8. Kulindeleke ukuba inqununu yesikolo ibekho kwiseshoni zoqeqesho ezingokubhalwa kwee-ANA. Le seshoni ziya kuqhutywa ngamagosa ezithili zemfundo. Iinqununu zilindeleke ukuba zilugqithisele uqeqesho kubagadi babaviwa bazo.
9. Kufuneka inqununu yesikolo ityumbe umgadi wabaviwa weklasi nganye yeBakala 3 okanye yeBakala 6 eya kuba ibhala ii-ANA. Ukulawulwa kokubhalwa kweemvavanyo kwizikolo ezizimeleyo kuya kuququzelelwa ligosa lesithili semfundo.
10. Kucelwa iinqununu zezikolo ezizimeleyo ukuba zikuqaphele okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane yaye zazise ootitshala nabafundi abachaphazelekayo ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:08:05

"Government Gazette No. 33973 Notice 48"  (ubukhulu: 30 KB)
ITHAYIMTHEBHILE YEMVAVANYO ZIKAZWELONKE ZONYAKA (ANNUAL NATIONAL ASSESSMENTS) KA-2013
(ubukhulu: 26 KB)