1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lizimisele ekuqinisekiseni ukuba iincwadi zeempendulo zeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zimakishwa ngabona bamakishi abanobuchule kakhulu.
2. Ngenxa yoku, iSebe iWCED liqhube iimvavanyo zokuqonda ubuchule (competency tests) kwizifundo ezikhethiweyo eziphambili ngo-Apreli nangoMeyi 2013.
3. Nakuba kunjalo, kusekho iqela lezithuba kwizifundo ezithile. ISebe iWCED ligqibe ekubeni lenze umjikelo wesibini weemvavanyo zokuqonda ubuchule kwizifundo ezithile nekusafuneka abamakishi kuzo nangoku. Ezi zifundo, kunye nemihla namaxesha eemvavanyo zokuqonda ubuchule, zidweliswe apha ngezantsi.

Isifundo Umhla wovavanyo lokuqonda ubuchule Ixesha
Accounting; Mathematics P2 5 Agasti 2013 15:00 – 17:00
Economics; History P1 6 Agasti 2013 15:00 – 17:00
Mathematical Literacy P2; History P2 7 Agasti 2013 15:00 – 17:00
Physical Sciences P1; Life Sciences P1 8 Agasti 2013 15:00 – 17:00
4. Ngalunye uvavanyo lokuqonda ubuchule luya kuvavanya ulwazi lwekhontenti yesifundo, ukusetyenziswa kwaloo khontenti kwimeko yoviwo nokwazi ukumakisha.
5. Apha ngezantsi kunikwe iindawo ekubhalelwa kuzo ezi mvavanyo zokuqonda ubuchule.

Isithili seMfundo Abaququzeleli kwizithili zemfundo Indawo
I-Metro North Mnu G Foster Settlers High School
Settler Street
Bellville
I-Metro South Nks K Dudley Spine Road High School
Mitchell’s Plain
I-Metro East Nks G Kirchner Northpine Technical High School
Northpine
Kuils River
I-Metro Central Mnu JC Afrika Cape Town High School
Government Avenue
Gardens
Cape Town
I-Eden & Central Karoo Nks A Raath Eden & Central Karoo Education District Office
Rentzburg Court
24 Courtenay Street
George
I-West Coast Nks Susanna van Niekerk Piketberg High School
Simon van der Stel Street
Piketberg
I-Overberg Mnu T de Bruyn Overberg Education District Office
15 College Street
Caledon
I-Cape Winelands Mnu E Schroeder Cape Winelands Education District Office
9 Durban Road
Worcester
6. Ootitshala abanqwenela ukubhala uvavanyo lokuqonda ubuchule kufuneka baye kwindawo efanelekileyo ubuncinane kwimizuzu eyi-30 ngaphambi kokuqala kovavanyo ukwenzela ukulungiselela ukubhalisa kunye nexesha lokufunda.
7. Bonke ootitshala ababhala iimvavanyo zokuqonda ubuchule mabazanelise iikhrayitheriya ezinikwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMvavanyo 0006/2013 yaye bazalise iifom ezifanelekileyo phambi kokubhala uvavanyo.
8. Kucelwa kwakhona niqaphele ukuba kusekho izithuba zabamakishi kwezi zifundo zilandelayo, apho kungekho mvavanyo zakuqonda buchule zibhalwayo:

Isi-Afrikansi uLwimi lokuQala oLongezelelweyo iPhepha 2 nePhepha 3
Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe iPhepha 1, iPhepha 2 nePhepha 3
IsiNgesi uLwimi lokuQala oLongezelelweyo iPhepha 1, iPhepha 2 nePhepha 3
IsiNgesi uLwimi lweeNkobe iPhepha 1, iPhepha 2 nePhepha 3

9. Kucelwa iinqununu namagosa ezithili zemfundo zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala yaye zikhuthaze ootitshala abazanelisayo iikhrayitheriya ezinikwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMvavanyo 0006/2013 ukuba benze izicelo zokumakisha.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:07:12