1. ISebe leMfundo esiSiseko (iSebe i-DBE) linqwenela ukuba nithathele ingqalelo iinkqubo ekufuneka zilandelwe ngokuthe ngqo ngethuba lokuqhutywa kweemviwo zepraktikhali zokuphela konyaka ze-Design ne-Visual Arts.
2. Amaphepha emibuzo ka-2013 eemviwo zepraktikhali zokuphela konyaka e-Design ne-Visual Arts (Design, Paper 2 and Practical and Visual Arts, Paper 2) aya kuba nala macandelo mabini:

Section A: Source Book or Workbook
Section B: The Artwork.

3. Izikolo namaziko ezobugcisa makaqinisekise ukuba bonke abaviwa abenza i-Design kunye/okanye iVisual Arts banephepha lemibuzo njengangoku ukwenzela ukubanika ithuba lokufumana ingcaciso ngeCandelo A lephepha lemibuzo. Abaviwa mabasayine irejista bakunikwa iphepha lemibuzo.
4. Ngethuba leKota 3, abaviwa mabagqibe uphando (research) olwaneleyo baqokelele kwaye badibanise zonke izinto ezifanelekileyo (appropriate material) zokulungiselela iCandelo A lephepha lemibuzo yomviwo. ICandelo A lingaqhutywa nokuba kungethuba lokufundisa okanye emva kweeyure zesikolo.
5. ICandelo A loviwo maligqitywe ngaphambi kokuqala iCandelo B loviwo lwepraktikhali.
6. ICandelo B malibe seligqityiwe nge-25 Oktobha 2013.
7. ICandelo B loviwo lwepraktikhali maligqitywe kwindawo yokubhalela uviwo kwaye ngethuba lokufundisa eliqhelekileyo, yaye kungabi ngexesha lasemva kweeyure zesikolo okanye ngeempela-veki. Kucetyiswa ukuba kulungiselelwe iiseshoni ezithatha ithuba elide eliziiyure ezi-4 - 6 kwenziwe oku iintsuku eziliqela, bade bonke abaviwa babe bawugqibile umsebenzi wabo wobugcisa (artwork) okanye isiveliso sabo (product), okanye zide zibe ziphelile iiyure ezili-18 ezabelwe lo msebenzi. Makwenziwe amalungiselelo angaphakathi kwisikolo ngasinye okanye kwiziko ngalinye ukwenzela ukulungiselela imisebenzi yezifundo zobugcisa enokufunwa likhondo elithile lezobugcisa, umz. eleesiramikhi (ceramics).
8. Makugadwe ngokungqongqo ngutitshala we-Design kunye/okanye we-Visual Arts ngethuba lokuqhutywa koviwo.
9. Ii-ofisi zezithili zemfundo maziqinisekise ukuba izikolo ziqesha abagadi babaviwa ukongeza kutitshala we-Design ne-Visual Arts ukuqinisekisa ukuba iCandelo B ligqitywa esikolweni kwaye oko kwenzeka phantsi kweemeko ezilawulwa ngokungqongqo.
10. Mabangaze abaviwa bashiywe bebodwa xa besenza iCandelo B, kwaye mabangaze bavunyelwe bagoduke nemisebenzi yobugcisa okanye nesiveliso esingagqitywanga. Yonke imisebenzi yobugcisa okanye isiveliso sawo esingagqitywanga masigcinwe esikolweni de kube yiseshoni elandelayo ebhalwe kwithayimthebhile.
11. Ii-ofisi zezithili zemfundo mazicele isikolo ngasinye okanye iziko ngalinye elifundisa i-Design kunye/okanye i-Visual Arts ukuba lingenise ithayimthebhile yalo yokwenziwa kweCandelo B. Ezi thayimthebhile mazithunyelwe nokuba zii-ofisi zezithili zemfundo okanye zithunyelwe ngqo kuMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu apha (Leon.Buchner@westerncape.gov.za). Kuya kuthi ke emva koko kwenziwe ishedyuli yokubeka esweni ezi mviwo zepraktikhali, esekelwe kwiithayimthebhile ezingeniswe zizikolo nangamaziko.
12. ISebe i-DBE liya kuthi kwakhona libeke esweni ukubhalwa kwezi mviwo zepraktikhali. Ngako oko ke, ukwenzela ukuba iSebe i-DBE lilungiselele inkqubo yalo yokubeka esweni iimviwo, ithayimthebhile edibanisa zonke iithayimthebhile zezikolo nezamaziko (consolidated timetable for schoosl and centres) yokubhalwa kweemviwo zepraktikhali zeCandelo B le-Design ne-Visual Arts eNtshona Koloni, iya kuthunyelwa kwiSebe i-DBE nguMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu.
13. ISebe iWCED liya kucwangcisa imihla yokumakisha nokumodareyitha, ukuqinisekisa ukuba wonke umsebenzi wepraktikhali umakishwa uze umodareyithwe ungadlulanga owe-22 Novemba 2013.
14. Ukuba kukho nayiphi na imibuzo engokuqhutywa kweemviwo zepraktikhali zokuphela konyaka ze-Design ne-Visual Arts, loo mibuzo mayithunyelwe kuMnu Leon Buchner kule nombolo yefoni 021 467 2556 okanye 082 824 8871 okanye kule dilesi ye-imeyili Leon.Buchner@westerncape.gov.za
15. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:07:04