1. IMimiselo emalunga neNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R – 12 (Regulations pertaining to the National Curriculum Statement Grades R – 12), eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 36041 yowe-28 Disemba 2012 yenza isibonelelo sokuba amanqaku okupasa okuphela konyaka esifundo soLwazi ngezoBomi asekelwe kuvavanyo lwangaphakathi, namakamodareyithwe ngaphandle, kwakunye nakumsebenzi wovavanyo okumgangatho ofanayo (common assessment task) (CAT)) osetwa uze umodareyithwe ngaphandle. Oku kucaciswe gca kuMmiselo 7(5) kwaye kuthetha ukuba zonke izikolo mazibhale i-CAT yesifundo soLwazi ngezoBomi.

2. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa izikolo ngenkqubo eza kulandelwa xa kubhalwa i-CAT kwisifundo soLwazi ngezoBomi.

3. Umhla wokubhalwa kwe-CAT yi-4 Septemba 2013, ukuqala ngo-09:00 – 10:30, yaye kufuneka izikolo zibhale zize zimakishe i-CAT njengoko kumiselwe kule ngcaciso imfutshane.

4. Uvavanyo lwe-Life Orientation CAT luya kuba liphepha leyure nesiqingatha (1½ hour paper) elinamanqaku ayi-75 ewonke. Luya kuthatha indawo yoMsebenzi 4 (Task 4) weprogram yovavanyo lwesifundo soLwazi ngezoBomi kwiBakala 12 owawucwangciselwe ukubhalwa kwiKota yesi-3, luze lwenze i-20% yamanqaku ewonke esifundo soLwazi ngezoBomi.

5. Ukwenzela ukuba zazi okulindeleke kwi-CAT, izikolo zicetyiswa ukuba zifunde iphepha lemibuzo elingumzekelo (exemplar) nesikhokelo sovavanyo ezazithunyelwe kuzo zonke izikolo ngoMeyi 2012.

6. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kukulawula ukuprintwa nokusiwa kwe-CAT kuzo zonke izikolo.

7. Ukubhalwa kwe-CAT
7.1 Ngokumalunga nokubhalwa kwe-CAT, inqununu, njengegosa eliyintloko yemviwo, mayiqinisekise ukuba kulandelwa imithetho yokubhalwa kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
7.2 Iinqununu mazivule iimvulophu zamaphepha emibuzo bekho abafundi zize zibeke esweni ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo.
7.3 Iinqununu maziqinisekise ukuba abagadi babaviwa bathe qwa, bagadile ngethuba lokubhalwa kwe-CAT.
7.4 Emva kokubhalwa kwe-CAT, iincwadi zeempendulo mazifakwe engxoweni ebonelweyo zibuyiselwe kwinqununu yesikolo ukuba izigcine ngokunqatyisiweyo.

8. Iingxoxo ngezikhokelo zokumakisha
8.1 Iingxoxo eziza kwenziwa kuzwelonke nakumaphondo malunga nezikhokelo zokumakisha ziya kuba ngoSeptemba 2013.
8.2 Izikhokelo zokumakisha zokugqibela (final) ziya kuthunyelwa ezikolweni ungadlulanga owe-6 Septemba 2013.

9. Ukumakishwa kwe-CAT
9.1 Ukumakishwa kwe-CAT kuya kwenzelwa ezikolweni phantsi kweliso lenqununu yesikolo, apho utitshala oneqhuzu (senior teacher) okanye intloko yecandelo lezifundo (head of department (HOD)) iya kuba yimodareyitha yangaphakathi.
9.2 Ukumakisha makuqalise nge-9 Septemba 2013 kuze kube kugqityiwe nge-16 Septemba 2013.
9.3 Ukumodareyitha okwenziwa liphondo kwe-CAT yesifundo soLwazi ngezoBomi kuya kuqhubeka nge-19 Septemba 2013.
9.4 Iincwadi zeempendulo mazikhutshwe kwigumbi elinqatyisiweyo yinqununu yesikolo kuphela ngosuku lokuqala lokumakisha.
9.5 Apho kukho ngaphezu kotitshala omnye wesifundo soLwazi ngezoBomi esikolweni, kucelwa uqinisekise ukuba ootitshala abamakishi iincwadi zeempendulo zabafundi babo.

10. Ukumodareyithwa kweencwadi zeempendulo sisikolo nasisithili
10.1 I-CAT mayimodareyithelwe esikolweni.
10.2 Inqununu mayiqinisekise ukuba ubuncinane i-10% yeencwadi zeempendulo ezimakishiweyo zimodareyithwa ngutitshala oneqhuzu (senior teacher) okanye yintloko yecandelo lezifundo (HOD).
10.3 Emva kokuba iincwadi zeempendulo zimodareyithiwe, amanqaku makarekhodwe kwimakhishithi (mark sheet) enikwe isikolo.
10.4 Umcebisi ngezekharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi kwisithili semfundo makamodareyithe isampula yeencwadi zeempendulo kwisikolo ngasinye. Kucetyiswa ukuba kumodareyithwe isampula eyi-10% yeencwadi zeempendulo ngeklasi nganye.

11. Ukufakwa ekhompyutheni kwamanqaku emisebenzi yovavanyo ekumgangatho ofanayo
11.1 Izikolo ziya kunikwa imakhishithi eyodwa yokufaka amanqaku e-CAT ekhompyutheni.
11.2 Ezi makhishithi mazithunyelwe kwiSebe iWCED namanye amanqaku ovavanyo oluqhubekela esikolweni.

12. Kucelwa iinqununu zenze amalungiselelo ayimfuneko okubhalwa kolu vavanyo.

13. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke ootitshala nabafundi besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:07:04

"Government Gazette No. 36041"  (size: 875 KB)