Umxholo wenkomfa: Teach, apply and live reading and writing
Umhla: 26 ne-27 Septemba 2013
Indawo: Cape Teaching and Leadership Institute
Nooiensfontein Road, Kuils River
Ixesha: 26 Septemba 2013: 08:00 – 16:00
27 Septemba 2013: 8:00 – 14:30
Ngoobani abamele ukuya kuyo: Ootitshala bamaBakala R- 9

1. Isimemo

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) limema:

  • Iinqununu zezikolo, ootitshala abasenkonzweni nabadla umhlala-phantsi bamaBakala R-9, abacebisi ngezekharityhulam nabameli abasuka kwimibutho engekho phantsi korhulumente namaziko emfundo ephakamileyo (tertiary education) ukuba bafake igalelo ngokufunda intetho ebhaliweyo, ngokwenza iinkcazo-ntetho nangemiboniso kule nkomfa ikhankanywe apha ngentla; kunye

  • Nootitshala bamaBakala R – 9 ukuba bathathe inxaxheba kule nkomfa.
2. Iinjongo

Iinjongo zale nkomfa kukwabelana ngeembono, ngezona ndlela zokufundisa zibhetele nangamava ngokumalunga nokudalwa kothando lokuthanda ukufunda nokubhala, iindlela ezahlukeneyo zokufundisa ukufunda nokubhala, izicwangciso zongenelelo ngoncedo kwabo bafundi banzinyelwa kukufunda nokubhala nokulawula isikolo esithandau kufunda.


3. Ingcaciso yabo baza kwenza iinkcazo-ntetho (presenters)
3.1 Iintlobo ezahlukeneyo zenkcazo-ntetho ezifunwayo:

  • Iseshoni yeDVD
  • Ukufundwa kwentetho ebhaliweyo
  • Isifundo esibonisa okuthile
  • Imiboniso
  • Iiseshoni zikamasifundisane ezingokufunda okanye ukubhala (imisebenzi enokwenziwa)
3.2 Kucelwa abantu abanomdla wokufunda intetho ebhaliweyo, wokwenza isifundo esibonisa okuthile (demonstration lesson)okanye wokuqhuba umasifundisane kule nkomfa, ukuba baqaphele oku kulandelayo:

  • Siya kufuna le ngcaciso ilandelayo kuwe:

    • Isihloko senkcazo-ntetho yakho
    • Inkcazoemfutshaneyokuqulethweyiyo (Eyonaindeibengamagama ayi-60)
    • Imo yenkcazo-ntetho yakho (jonga kumhlathi 3.1)
  • Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mabathathe inxaxheba kwinkcazo-ntetho.

  • Ithuba lenkcazo-ntetho: 60 imizuzu. Iingxoxo zamaqela okanye imibuzo mayinikwe imizuzu emi-5 ukuya kweli-10.

  • Kwiindawo zenkomfa kuya kubakho iitafile nezitulo eziphatheka ngokulula, idatha-projektha, i-ovahedi-projektha, i-whitebaord ne-flipchart stand enephepha.
3.3 Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usithumele nge-imeyili ku-Magdalena Benn kule dilesi ye-imeyili mabenn@westerncape.gov.za okanye usithumele ngefeksi apha 086 614 5151 ungadlulanga owe-16 Agasti 2013.

4. Ingcaciso enikwa abathathi-nxaxheba
4.1 Kucelwa ukuba ootitshala abangathanda ukuya kwinkomfa njengabathathi-nxaxheba bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
4.2 IsiHlomelo B esizalisiweyo masithunyelwe kuGaynor Matthews kule dilesi ye-imeyili gmatthew@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 086 614 5530.
4.3 Luya kuvalwa ubhaliso kwakuba kubhalise abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-350 bokuqala. Kuya kubhaliswa ngokuthi kuthathwe ofike kuqala kunabanye. Ngako oko ke, qinisekisa ukuba ubhalisa ngokukhawuleza.
4.4 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yeengxoxo zamaqela (plenary discussion)neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwiindawo ezahlukeneyo. Izikolo ezibhalisela le nkomfa ziya kufumana ingqinisekiso yoko ngefoni ungadlulanga owe-06 Septemba 2013.

5. Amalungiselelo enkqubo yenkomfa

Abathathi-nxaxheba okanye abenza iinkcazo-ntetho abasuka kwizithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120km ngohambo lokuya nokubuya, bangalala ehostele yeCape Teaching and Leadership Institute (CTLI) ngobusuku bangoLwesithathu, we-25 Septemba nangoLwesine we-27 Septemba 2013. Indawo yokulala iya kuhlawulwa liSebe i-WCED. Abathathi-nxaxheba baya kuzihlawulela ngokwabo iindleko zohambo.


6. ISebe i-WCED linethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava abaya kuzuza lukhulu kuwo bonke ootitshala abafundisa ukufunda nokubhala abaya kubakho.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2013:07:04

isiHlomelo A: Ifom yokwenza isicelo yomthathi-nxaxheba kwinkcazo-ntetho  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo B: Ifom yobhaliso  (ubukhulu: 14 KB)