1. ISistim yoLawulo loPhuhliso looTitshala kuMsebenzi wokuFundisa oluQhubekayo (Continuing Professional Teacher Development Management System (CPTDMS)) yaye yaziswa kwi-National Policy Framework on Teacher Education and Development, eyakhutshwa kwigazethi yomhla we-26 Apreli 2007.

2. Injongo ye- CPTDMS

  • kukuqinisekisa ukuba iinzame ezenziwayo njengangoku zokuzibhokoxa ngokupheleleyo kuphuhliso lootitshala kumsebenzi wokufundisa zinegalelo ngakumbi nangokuthe ngqo kuphuculo lomgangatho wokufundisa;
  • kukugxininisa nokubethelela ukuxabiseka komsebenzi wobutitshala;
  • kukunika ootitshala isikhokelo esicacileyo ekuya kuthi ngaso imisebenzi yophuhliso lootitshala ibe negalelo ekukhuleni kwabo kumsebenzi wokufundisa;
  • kukukhusela ootitshala kubaboneleli-nkonzo abanobuqhetseba; kunye
  • nokwandisa iindidi zemisebenzi efaka igalelo kuphuhliso lootitshala kumsebenzi wokufundisa.
3. IBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council for Educators (SACE)), ngokubambisana neSebe leMfundo esiSiseko kwakunye namasebe emfundo amaphondo, aqulunqe i-CPTDMS, aza ayicokisa, esebenzisa iziphumo neengcebiso ezivela kwiprojekthi elilinge eyenziwa kumaphondo osithoba.

4. IBhunga leSACE ngoku livume le nkqubo ilandelayo yokuqaliswa kwe-CPTDMS:

Iqela ekujoliswe kulo UMjikelo 1 UMjikelo 2 UMjikelo 3
Iinqununu namasekela-nqununu 2014 2017 2020
Iintloko zamacandelo ezifundo 2015 2018 2021
Ootitshala beZithuba zeNqanaba 1 2016 2019 2022

5. Kumalungiselelo okwaziswa kwenkqubo kwiinqununu nakumasekela-nqununu kumjikelo wokuqala, iSebe leMfundo leNtshona Koloni, ngokubambisana neSACE, liya kunika iiseshoni zokuqhelaniswa nenkqubo nokujoyinisa iinqununu namasekela-nqununu ngo-2013.

6. Ngo-2014 kuya kuqhutywa iiseshoni zokuqhelaniswa nenkqubo nokujoyinisa iintloko zamacandelo ezifundo kuze ngo-2015 kube ngootitshala beZithuba zeNqanaba 1.

7. Iinkcukacha zeeseshoni zokuqhelaniswa nenkqubo nokujoyinisa iinqununu kunye namasekela-nqununu ziya kwaziswa izikolo zii-ofisi zezithili zemfundo.

8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:05:29