1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linovuyo ukwazisa ukuba ngonyaka wokufunda ka-2014, ziibhasari eziyi-315 eziza kufumaneka kumalungu eekomiti zolawulo lwesikolo (school management teams) anqwenela ukufumana i- Advanced Certificate in Education School Leadership (ACE: SL).

2. Injongo yekhosi ye-ACE SL kukuphucula imfundo ezikolweni ngokuphuhlisa iikomiti zolawulo lwesikolo kubunkokeli besikolo nolawulo.

3. Aba bantu balandelayo banokufaka izicelo zebhasari ye-ACE: SL

  1. Iinqununu ezikwi-REQV 13 (M+3) okanye ngaphezu koku
  2. Amasekela-nqununu akwi-REQV 13 (M+3) okanye ngaphezu koku
  3. IiNtloko zeZifundo (Heads of Departments) ezikwi-REQV 14 (M+4) okanye ngaphezu koku nezinamava eminyaka emibini ubuncinane kwikomiti yolawulo lwesikolo.
4. Kuphela ngaba bantu bakwezi ndidi (categories) zikhankanywe apha ngentla abanokwenza isicelo.

5. Izicelo ziya kuqwalaselwa ngokuxhomekeka ekubeni umenzi-sicelo ngamnye uyahlangabezana nazo zonke ezi mfuno zingummiselo zilandelayo:

  1. Makabe uqeshwe isigxina liSebe iWCED
  2. Makahlangabezane neemfuno ezingummiselo zokwamkelwa kwiyunivesiti efanelekileyo (Funda isiHlomelo A)
  3. Makangabi ngofumana enye ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari
  4. Makabe ngongabhalisanga kuyo nayiphi na enye iyunivesithi ngethuba esenza isicelo okanye ebhalisa.
6. Iprogram yebanga lemfundo le-ACE SL iya kwenziwa ngokungesosigxina (part-time) ithuba leminyaka emibini ukususela ngoJanuwari 2014 ukuya kuDisemba 2015. Le program iya kukhokelela kwibanga lemfundo i-NQF Level 6 yaye iya kwenziwa ngendlela ye-network education kunye neeseshoni zokuba seklasini ngethuba leeholide zesikolo. (Funda IsiHlomelo A)

7. Ibhasari nganye iya kuhlawulela iifizi zobhaliso nezokufunda yaye ziya kuhlawulwa ngqo kwi-akhawunti yebhanki kwiziko lemfundo ephakamileyo elichaphazelekayo.

8. Indawo yokuhlala, elungiswe yiyunivesithi ekuvunyelwene nayo okanye liSebe iWCED, iya kulungiselelwa kuphela ootitshala abasuka kwiindawo ezisemaphandleni.

9. Apho kunokwenzeka, indleko zeehambo zokuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulwa liSebe iWCED, ukuba ngaba abagqatswa abaphumeleleyo kuloo dolophu okanye kweso sikolo sinye bayakhwelisana.

10. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo banoxanduva lokuhlawula iindleko zezibonelelo zokufunda zabo, apho kufunekayo oku.

11. Amalungu eekomiti zolawulo lwesikolo anqwenela ukuqwalaselwa ngokumalunga nale program kunye nale bhasari, kucelwa bazalise iifom zeziHlomelo B no-C eziqhotyoshelweyo baze bazingenise kule dilesi ilandelayo ungadlulanga owe- 22 Meyi 2013:

  Head: Education
For attention: Mr GC De Bruyn / Ms JC Titus
Directorate: Cape Teaching and Leadership Institute
Western Cape Education Department
Private Bag X14
Kuils River
7579

12. Izicelo ziya kuthunyelwa zii-ofisi zezithili zemfundo kwiCandelo le-Cape Teaching and Leadership Institute.

13. Iifom zokwenza isicelo nezemvumelwano ziqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane. Iikopi zezi fom zikwafumaneka kwiCandelo laBenzelwa iiNkonzo leSebe iWCED kumgangatho wesibini e-Grand Central Towers, Cape Town nakumgangatho wokuqala (first floor) we-Admin 2 Building, yeCandelo le-Cape Teaching and Leadership Institute, eKuils River okanye kuBaphathi beze-IMG.

14. Kucelwa niqaphele ukuba

  • izicelo ezingabhalwanga zonke iinkcukacha okanye engabonakaliyo into ebhalwe kuzo, azisayi kuqwalaselwa yaye
  • akukho zicelo zithunyelwe ngefeksi ziya kwamkelwa.
15. Izicelo ezifike emva komhla obekiweyo wokuvala aziyi kuthathelwa ngqalelo.

16. Kucelwa niqaphele oku kulandelayo:

  • Igama leYunivesithi oyikhethayo (University of Stellenbosch okanye University of Cape Town okanye University of the Western Cape) malibhalwe ngokucacileyo kwifom yokwenza isicelo.
  • Ukufakwa ezindaweni (placements) kuya kuxhomekeka kwizithili zemfundo, umz. indawo esikuyo (geographical area), indlela yokufundisa (mode of delivery) kwiziko lemfundo ephakamileyo (HEI) nenani lezicelo ezifunyenweyo ngesithili semfundo ngasinye ne-HEI, ngokwesiHlomelo A.
  • Iikopi ezingqiniweyo zesatifikethi sematriki sakho, ezamabanga emfundo kunye/okanye esokuqeqeshelwa ukufundisa, neyesazisi sakho, mazingeniswe nesicelo sakho.
  • Isicelo masisayinwe yaye sivunywe (ifom yesicelo esayiniweyo) ngumenzi-sicelo, yisuphavayiza yakhe aphantsi kwayo (kwimeko yeentloko zezifundo (heads of departments) namasekela-nqununu) nomphathi weze-IMG wesikolo.
  • Kwimeko yeenqununu, isicelo masisayinwe ngumenzi-sicelo yaye sivunywe (ifom yesicelo esayiniweyo) ngumphathi weze-IMG wesikolo kwakunye nomphathi wekomiti yesekethe (CTM).
  • Ngaphandle kwale mvume (endorsement) yesuphavayiza noMphathi weKomiti yeze-IMG, isicelo siya kuthathwa njengesingaphelelanga yaye ke ngoko siya kukhatywa.
17. Izicelo ziya kusingathwa ngokuthi ziqwalaselwe ngokwezinto ezifuneka kuqala (prioritise), yaye iingcebiso ezivela kumlawuli wesithili semfundo ziya kuthunyelwa kwiNtloko yeSebe ngokuqala zidlule kwiCandelo leCape Teaching and Leadership Institute ukulungiselelwa ukuvunywa kwazo.

18. Ziyakhuthazwa iikomiti zolawulo lwesikolo ukuba zibhalise kunye njengamaqela; yaye kuya kukhethwa kuqala iinqununu namasekela-nqununu.

19. Ngokuzalisa ifom yemvumelwano (isiHlomelo C), umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kungena kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari kwakunye nokuthobela eminye imigqaliselo ecaciswe kwimvumelwano.

20. Kucelwa uqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa onke amalungu ekomiti yolawulo lwesikolo sakho ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO NOVAVANYO LWEKHARITYHULAM
UMHLA: 2013:04:17

isiHlomelo A: "2014 Bursaries available for Advanced Certificate in Education: School Leadership"  (ubukhulu: 40 KB)
isiHlomelo B: ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA  (ubukhulu: 99 KB)
isiHlomelo C: "Agreement on payment Of tuition fees from state funds"  (ubukhulu: 59 KB)