1. Ngo-Oktobha 2011, iSebe leMfundo leNtshona Koloni laqhuba iiMvavonyo zeNkqubo yeMfundo zeBakala 9 ukujonga amanqanaba olwazi kuLwazi lokuBala noLwazi lokuFunda nokuBhala (iMathematika neeLwimi), UMphathiswa weMfundo wePhondo ukhuphe iziphumo kumajelo eendaba nge-20 Januwari 2012.

2. Igqityiwe ngoku inkqubo yokuhlela iziphumo ngokwezikolo yaye ezi ziphumo ziyo kufumaneka kwi-CEMIS ukususela nge-23 Januwari 2012. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizijonge iziphumo zazo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba zibe nokuzibandakanya kwizicwangciso zazo zokuphucula isikolo, lingxelo zezikolo ziya kubonisa iireyithi zokupasa (pass rates), amanqaku omndilili (mean scores), ziphinde zibonise indlela ekuqhutywe ngayo kwinkalo nganye kwezo zivavanyiweyo.

3. Iziphumo zesikolo sakho zinokufumaneka kwiCEMIS ngokusebenzisa esi sikhokelo silandelayo:

  • Khetha le ayithem yemenyu "Assessment". Kwi-drop-down menu, khetha:

    • "Grade 9 LitNum Results 2011".

Iziphumo zifanele ukuvela kwiskrini.

  • Ukuba iziphumo aziveli, yiya kwi-menu bar phezulu ukhethe u-"Tools". Emva koko khetha u-"Pop-up Blocker" uze ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe.
  • Ucinyiwe ke ngoko u-"Pop-up Blocker" kwaye oku kwenza i-CEMIS iqale ekuqaleni.
  • Kwakugqitywa oku, khetha iBakala 9 ukubona iziphumo.
4. Nayiphi na imibuzo malunga nokuqulethwe yile ngcaciso imfulshane mayibhekiswe ku-Gqr RS Cornelissen kule nombolo yefoni 021 467 2286 okanye kule dilesi ye-imeyili RonaldS.Cornelissen@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:01:23