1. ISaveyi eQuphayo (SNAP Survey) yaqho ngonyaka yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngomnye wemithombo yengcaciso ebalulekile gqitha ngemeko yezikolo. Ingcaciso eqokelelweyo iya kwenza igalelo kwi-Education Management Information System (EMIS) yephondo eli kwaye iya kusetyenziswa ekulawulweni nasekuphathweni kwezikolo (administration and governance of schools), kubandakanywa nokunikwa kwezikolo izibonelelo ngakumbi ootitshala nabasebenzi.

2. ISaveyi eQuphayo yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo mayenziwe igqitywe kwaye isayinwe ungadlulanga owe-29 Januwari 2013.

3. Izikolo maziyenze le saveyi ekhompyutheni (online) kwiCEMIS okanye kwi-iSAMS; Oku kufuna inqununu iqinisekise ukuba

  • bonke abafundi ababhalisiweyo nabahamba isikolo ngo-2013 bayavela kwiiklasi zabo ezichanekileyo kwi-CEMIS okanye kwi-iSAMS
  • nawuphi na umfundi ongekafiki nge-29 Januwari 2013 ukuba abhaliswe esikolweni sakho makakhutshwe ezincwadini (must be deregistered) njengoko oko kufuneka ngokomgaqonkqubo wokuhamba isikolo kwabafundi (Umfundi angaphinda abhaliswe kwakhona ukuba ufika emva kwe-29 Januwari 2013.);
  • izikrini zokufaka idatha (capture screens) ezinika inani elichanekileyo lootitshala esikolweni mazifakwe idatha ngokuchanekileyo.
  • kufakwe ne-Infrastructure capture screen kwisaveyi yaye izaliswe ngokuchanekileyo; yaye;
  • icandelo lokusayina (sign-off section) lesaveyi lizaliswe ngokuchanekileyo yaye kwangexesha
4. Ubhaliso lwabafundi bebhalisela ii-ANA zango-2013 lufuneka ekuqaleni kukaMatshi ka-2013. Iinqununu maziqinisekise ukuba izifundo zoLwimi nolwimi lokufunda nokufundisa zifakwe ngokuchanekileyo kwisistim kumfundi ngamnye.

5. Idatha yeSaveyi mayisayinelwe ngumphathi weze-IMG wesikolo okanye ngumphathi wekomiti yesekethe.

6. Niyakhunjuzwa: Izifundo ezenziwa ngabo bonke abafundi beBakala 12 mazitshekishwe ukuba zichanekile ngethuba lokuphela kukaJanuwari 2013. Ifasilithi yokucela ukutshintshwa kwezifundo (subject request facility) kubafundi beBakala 12 iya kufumaneka kude kube sekupheleni kukaJanuwari 2013.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2012:12:14