1. Idatha yokudlulela phambili neyokupasa (progressions and promotions) ka-2012 inokufakwa kwikhompyutha ukususela ngoLwesine we-15 Novemba 2012 kwi-Central Education Management of Information System (CEMIS) nakwi-Integrated School Administration and Management System (i-SAMS).
2. Kucelwa uqinisekise ukuba kuphela ngabafundi ababhalisiweyo ngoku esikolweni sakho abavelayo kwi-CEMIS/i-SAMS nokuba bakumabakala nakwiiklasi ezichanekileyo.
3. Nawuphi na umfundi omkileyo esikolweni waya kwesinye isikolo makakhutshwe (be transferred out) kwi-CEMIS/i-SAMS.
4. Nawuphi na umfundi otshintshele kwelinye iphondo okanye ilizwe makakhutshwe kwiirekhodi (be deregistered) ze-CEMIS/i-SAMS.
5. Konke ukutshekishwa nokulungiswa (checking and correcting) kweenkcukacha zabafundi besikolo sakho makugqitywe phambi kokufakwa kweziphumo kwikhompyutha okuqala ngoLwesine, we-15 Novemba 2012.
6. Ukufakwa kweziphumo kwiCEMIS okanye kwi-i-SAMS kuchazwe kwiziHlomelo A no-B ngokulandelelanayo.
7. Ukuba ufuna uncedo okanye unemibuzo,kucelwa uqhagamshelane nomphathi weze-IMG okanye nomlawuli we-CEMIS kwi-ofisi yesithili semfundo sakho okanye kwaNdlunkulu. Iinombolo zeefoni ziyafumaneka kwiCEMIS phantsi kwe-administration function. Ukukwenzela lula, zikwadweliswe apha ngezantsi.

I-ofisi yeNkxaso Inombolo yefoni I-ofisi yeNkxaso Inombolo yefoni
Metro Central 021 514 6751 Cape Winelands 023 348 0642/5
Metro East 021 900 7182 Eden & Central Karoo 044 803 8344
Metro North 021 467 2289 Overberg 021 467 2287
Metro South 021 703 3198 West Coast 021 860 1554/65
i-SAMS Support 0800 204 800 i-SAMS Support 021 467 2347
8. ISebe iWCED libulela zonke izikolo ngomsebenzi wazo onzima eziwenzileyo nangentsebenziswano yazo kunyaka ophelileyo yaye libanqwenelela impumelelo kwiimviwo zabo nakwimisebenzi yezolawulo yokuphela konyaka.
9. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2012:11:08

IsiHlomelo A: Ukufakwa kweziphumo zokudlulela phambili/zokupasa kwabafundi kwiCEMIS  (ubukhulu: 38 KB)
IsiHlomelo B: Ishedyuli ye-i-SAMS yokudlulela phambili/yokupasa  (ubukhulu: 35 KB)