1. UMgaqo-nkqubo weNgcaciso yezeMfundo kuZwelonke (National Education Information Policy) wavunywa ngokwesiqendu 3(4)(a) soMthetho woMgaqo-nkqubo weMfundo kaZwelonke, 1996 (National Education Policy Act of 1996) neSiqendu 59 soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996, nguMphathiswa wezeMfundo kuzwelonke nge-27 Agasti 2004 kunye nezilungiso ezavunywa nge-6 Agasti 2010.
2. Izilungiso zifuna iNtloko yePhondo yeSebe ityumbe igosa le-EMIS lephondo, amagosa e-EMIS ezithili namagosa e-EMIS amaziko.
3. INtloko yeSebe iWCED ityumbe ngokufanelekileyo uNks SH Mafanga-Kibi, uMlawuli oyiNtloko we-Business Intelligence Management, njengegosa le-EMIS lephondo kunye, nomlawuli wesithili ngasinye, njengegosa le-EMIS lesithili.
4. INtloko yeSebe ikwakuvumile nokutyunjwa kwenqununu nganye yeziko lemfundo leSebe iWCED njengegosa le-EMIS leziko, ukuze ngokwenjenjalo kuthwaliswe igosa ngalinye uxanduva lokuphendula ngedatha yeziko lalo. Iileta zokutyunjwa, eyenqununu nganye, sele zidraftiwe yaye zifakwe kwiCEMIS ukulungiselela ukuba zikotshelwe kwikhomyutha (downloading) yaye zisayinwe yinqununu nganye.
5. Kubonelelwe ngefasilithi kwi-CEMIS kuzo zonke iinqununu zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ukuba zikuvume ukutyunjwa kwazo njengamagosa e-EMIS amaziko, inqununu zezikolo zika iSAMS mazisebenzise u CEMIS. Iinqununu ziya kuyifumana le fasilithi kwi-CEMIS phantsi ko-"Administration" kwi-drop-down menu, kwi-sub-menu "EMIS". Kufuneka inqununu ithikishe kwi-acknowledgement box, iprinte ikopi yeleta iyisayine ize iyibuyisele loo kopi eliphepha esayiniweyo kumphathi wekomiti yesekethe ochaphazelekayo ungadlulanga owe-15 Agasti 2012 (CEMIS Day 3). Iileta zokutyunjwa ezifana nezi zinoku-odithwa (auditable), yaye kufanele zifumaneke kubaphathi beekomiti zeesekethe kwakwenziwa isicelo soko.
6. Sinethemba lokuba iinqununu ziya kukwamkela ukutyunjwa kwazo ukubonisa ukuzimisela kwazo kwesi sibonelelo, xa kufunwa iikopi zekhompyutha nezo ziprintiweyo zedatha zamaziko azo efana nedatha emalunga neesaveyi, idatha yokuhamba isikolo kwabafundi nootitshala, yeemvavanyo, yobhaliso neyesibonelelo seLTSM.
7. Ayakhuthazwa onke amagosa eSebe iWCED ukuba abe nolwazi ngoMgaqo-nkqubo weNgcaciso yezeMfundo, oqhotyoshelwe njengesiHlomelo A, nokuba azalisekise imisebenzi eyimbopheleleko yawo ngokufanelekileyo.


ISAYINWE: NGU-SH MAFANGA-KIBI
BAMBELA: USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2012:08:10

"National Education Policy Act of 1996"  (ubukhulu: 54 KB)
"South African Schools Act of 1996"  (ubukhulu: 86 KB)
IsiHlomelo A: "Amendment of the Education Information Policy"  (ubukhulu: 119 KB)
"Sample letter"  (ubukhulu: 18 KB)