1. |
ISaveyi yaQho ngonyaka (Annual Survey) yezikolo eziqhelekileyo ifakwe kwigazethi yaye idatha echanekileyo ingafunyanwa sisikolo esiqhelekileyo ngasinye ukususela ngomhla we-6 Matshi 2012 (CEMIS Day 2). |
2. |
Izikolo ezizalisa isaveyi kwikhompyutha maziqinisekise ukuba
- kuboniswa abafundi abachanekileyo ngokweklasi nganye yaye iinkcukacha zabafundi zingqinisisiwe njengezichanekileyo;
- zizaliswa ngokuchanekileyo izikrini zokufaka idatha (capture screens); kwaye
- iyahlaziywa ingcaciso yabasebenzi umntu ngamnye, ngokuthi kufakwe iinkcukacha ezikhoyo ngoku ku-2012.
|
3. |
Ukuchaneka kwedatha kubaluleke kakhulu yaye inqununu yesikolo mayithwale uxanduva lokuchaneka kwedatha ngokuyisayinela (signing it off on 6 March 2012). Ukuchaneka kwedatha makungqinisiswe kwakhona nangumphathi weze-IMG. |
4. |
Idatha yabafundi iya kusetyenziselwa ukubhalisa abafundi kwi-Annual National Assessments (ANAs), kwiimvavanyo zenkqubo yemfundo zeWCED (WCED’s systematic tests) kumaBakala 3, 6 no-9, nakwii-odolo zeLTSM. Ayacelwa onke amaphondo ukuba angenise idatha yobhaliso lwabafundi ye-ANA (ANA learner registration data) ukuqalela phakathi ku-Februwari 2012. |
5. |
Ngokumalunga nokubhalisela ii-ANAs kumaBakala 3, 6 no-9, zonke izikolo mazingqinisise ukuchaneka kwala macandelo edatha (data fields) alandelayo kwi-CEMIS okanye kwiiSAMS:
- Ulwimi lokufunda nokufundisa (LOLT) lomfundi ngamnye (Makusetyenziswe ingxelo i-CEMIS LOLT verifcation report.)
- Isifundo esenziwa kwinqanaba loLwimi lwaseKhaya (Home Language level) (Makusetyenziswe i-CEMIS GET Band subject correction facility.)
- Isifundo esenziwa kwinqanaba loLwimi lokuQala oLongezelelweyo (First Additional Language level) (Makusetyenziswe i-CEMIS GET Band subject correction facility.)
- Isini, uhlanga, umhla wokuzalwa nenombolo yesazisi (ID) (inombolo ye-ID mayibenemivo echanekileyo eyi-13 neprintwe kwisazisi (ID) somfundi.)
- Nayiphi na ingcaciso engokukhubazeka komfundi efakwe kwi-CEMIS mayitshekishwe. Ukuba le ngcaciso itshintshile, makuqhagamshelwane nomququzeleli wemfundo eneemfuno ezizodwa wesithili semfundo sakho.
|
6. |
Ingxelo eyodwa yobhaliso lomfundi ye-ANA enokuprintwa (special printable learner ANA registration report), iya kubonelelwa kwiCEMIS ukwenzela ukuyenza lula inkqubo yokutshekisha esikolweni. Iimpazamo mazilungiswe ngokusebenzisa ii-correction facilities ezikwi-CEMIS. |
7. |
Ukwenzela ukulawula ii-ANAs neemvavanyo zenkqubo yemfundo zeWCED (WCED’s systemic tests), kubalulekile ukuba kurekhodwe ulwimi lokufunda nokufundisa oluchanekileyo lomfundi ngamnye njengoko kufuneka kuprintwe inani elichanekileyo lamaphepha emibuzo kwiqela lolwimi ngalunye aze asiwe ezikolweni. |
8. |
Kufuneka inqununu iququzelele le misebenzi ingentla ukwenzela ukuba iqinisekise ukugqitywa kwayo ngokuchanekileyo nangexesha. Kucelwa iinqununu ukuba ziyingqinisise idatha ngaphambi kwe-6 Matshi 2012. |
9. |
Kucelwa uqaphele ukuba igqiza labaphicothi-zincwadi i-WCG Internal Audit Team kwakunye ne-AG external audit teams baya kuphicotha idatha yabafundi kwiCEMIS ezikolweni. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:02:24
|
 |