1. ISaveyi eQuphayo yezikolo zikarhulumante eziqhelekileyo [SNAP Survey of ordinary public schools) eqhutywa qho minyaka Ie ngowona rnthombo wolwazi obaluleke gqitha wengcaciso emalunga nesikolo sakho. Ingcaciso eqokelelweyo iya kwenza igalelo kwi- Education Management Information System (EMIS) yephondo eli kwaye iya kusetyenziswa ekulawulweni nasekuphathweni kwezikolo (administration and governance of schools), kubandakanywa nokunikwa kwezikolo izibonelelo, ngakumbi ootitshala nabasebenzi.
2. lsaveyi eQuphayo yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo mayizaliswe yenziwe igqitywe yaye isayinwe ungadlulanga owe-24 Januwari 2012.
3. lzikolo zikarhulumente eziqhelekileyo maziyenze Ie saveyi eQuphayo ekhompyutheni (online) kwi-CEMIS okanye kwi-i-SAMS. Oku kufuna inqununu iqinisekise ukuba

  1. bonke abafundi ababhalisiweyo nabahamba isikolo ngo-2012 bayavela kwiiklasi zabo ezichanekileyo kwi-CEMIS okanye kwi-i-SAMS;
  2. nawuphi na umfundi ongekofiki nge-24 Januwari 2012 ukuba abhaliswe esikolweni sakno makakhutshwe ezincwadini (must be deregistered) njengoko kufuneka ngokomgaqo-nkqubo wokuhambo isikolo kwabafundi omtsha (Umfundi angaphinda abhaliswe kwakhona ukubo ulika emva kwe-24 Januwari 2012.);
  3. izikrini zokufako idatha (capture screens) ezinika inani elichanekileyo lootitshala esikolweni mazifakwe idatha ngokuchanekileyo.
  4. icandelo lokusayina (sign-off section) lesaveyi malizaliswe ngokuchanekileyo yaye kwangexesha.
4. Idatha yesaveyi yesilkolo ngasinye mayisayinelwe ngumphathi weze-IMG okanye ngumphathi weekomiti zeesekethe wesikolo ungadlulanga owe-26 Januwari 2012.
5. Uyakhunjuzwa ukuba izifundo ezenziwa ngabo bonke abafundi beBakala 12 mazitshekishwe ukuba zichanekile ngethuba kuphela uJanuwari 2012. Isibonelelo sokucela ukutshintshwa kwezifundo (subject change request facility) kubafundi beBakala 12 siya kubakho de kuye ekupheleni kuka Januwari 2012 kuphela.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:01:17