1. Intshayelelo
1.1 Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa zonke ii-ofisi zezithili zemfundo nezikolo ngenkqubo yokuthenga ifanitshala nezixhobo zokusebenza.
1.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linemvumelwano yeminyaka emithathu yokuthenga ifanitshala nabathengisi ukuba babonelele ngefanitshala zonke izikolo ezikwiPhondo leNtshona Koloni. Le mvumelwano ibandakanya ii-ayithem eziyi-31 zefanitshala yesikolo. Kucelwa ukuba izikolo zilandele ngqo ilisti yee-ayithem ezicetyiswayo ezikwifom eqhotyoshelweyo iWCED 026A
1.3 Ii-ayithem zezixhobo zokusebenza ezikwifom iWCED 026B zipapashwe kwi-Trade World, ngokusebenzisa u-Sourcelink oyisistim yokuthenga ngekhompyutha.

2. Inkqubo yokuthenga izixhobo zokusebenza nefanitshala yezikolo ezitsha
2.1 I-ofisi yesithili semfundo mayenze irikhwizishini yesikolo esitsha ize iyingenise kwaNdlunkulu. Oku makwenziwe zingadlulanga iinyanga ezi-4 phambi kokuvulwa kwesikolo eso.
2.2 La maxwebhu alandelayo makahambe nesicelo ngasinye sezixhobo zokusebenza nefanitshala yesikolo esitsha:

  • Ifom iWCED 026A ezalisiweyo yefanitshala
  • Ifom iWCED 026B ezalisiweyo yezixhobo zokusebenza
  • Ileta yemvume yokuvulwa kwesikolo esitsha
3. Inkqubo yokuthenga izixhobo zokusebenza nefanitshala yezikolo ezikhoyo (yokongezelela)
3.1 Zonke izicelo zokuthenga izixhobo zokusebenza nefanitshala ezivela kwizikolo ezilolu hlobo mazingeniswe ungadlulanga owe-15 Februwari 2013 kumphathi weze-IMG ochaphazelekayo.
3.2 La maxwebhu alandelayo makahambe nesicelo ngasinye sezixhobo zokusebenza nefanitshala (yokongezelela) ezazingeniswe zizikolo ezikhoyo:

  • Ifom iWCED 026A ezalisiweyo yerikhwizishini (yefanitshala)
  • Ifom iWCED 026B ezalisiweyo yerikhwizishini (yezixhobo zokusebenza)
    (Zombini iifom mazingqinisiswe zisayinwe ngumphathi weze-IMG.)
  • Ingxelo i-technical report, kwimeko yokutshintshwa kwezixhobo zokusebenza
3.3 Abalawuli bee-ofisi zezithili zemfundo mabahlole iimfuno zefanitshala nezezixhobo zokusebenza (furniture and equipment needs) kuzo zonke iisekethe baze benze ilisti ebonisa ezona ayithem mazibekwe phambili (a prioritised list). Le listi ebonisa ii-ayithem emazibekwe phambili mayithunyelwe kwiCandelo loMlawuli oyiNtloko wee-Ofisi zeZithili ungadlulanga owe-15 Matshi 2013 ngenjongo yokufumana imvume nokuba isayinwe.
3.4 Ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kwazisa izikolo ukuba ngaba izicelo zazo zibe yimpumelelo na, zifuna ukufakelwa izilungiso okanye azamkelwanga kusini na.
3.5 ICandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo liya kwenza ii-odolo zefanitshala eceliweyo nabathengisi ekuvunyelwene nabo ekuqaleni konyaka-mali. Abathengisi badla ngokuzizisa iimpahla zingadlulanga iiveki ezi-4 – 6 ukususela kumhla wokwenziwa kwe-odolo.
3.6 Izikolo mazinga-odoli fanitshala okanye zixhobo zokusebenza ngqo kubathengisi ukuba injongo yoko kukuba iWCED mayihlawulele ezo ayithem. Intlawulo yee-odolo ezilolo hlobo iya kuba yeye-akhawunti yesikolo.

4. Ulawulo lwefanitshala nezixhobo zokusebenza ezikolweni
4.1 Izikolo maziseke ikomiti yokuthenga iimpahla neenkonzo eya kuba noxanduva lokugcina iirekhodi ezinengcaciso ehlaziywa qho yezixhobo zokusebenza nefanitshala. (Funda isikhokelo i-Basic Financial Systems for Schools.)
4.2 Ifanitshala engasafunekiyo mayikhutshwe (written off) ize isuswe emva kokuba kuthathwe isigqibo soko kwintlanganiso yokuchithwa kweempahla. Imizuzu mayirekhode isigqibo esilolu hlobo size eso sigqibo senziwe sifumaneke ngeenjongo zokubekwa esweni.
4.3 Ifanitshala eyaphukileyo esengalungiswa mayigcinwe kakuhle ukuthintela umonakalo ongaphezulu.
4.4 Iirekhodi ze-inventri ezinengcaciso ehlaziyiweyo (ubhaliso lwabafundi beklasi nganye, izixhobo zokusebenza nefanitshala ekhoyo, izinto ezishotayo) ezingqina imfuneko yezinto ezifuna ukongezelelwa mazifumaneke kwakwenziwa isicelo soko. Ukwenzela ukukhusela ii-asethi ekwebiweni, ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizifake uphawu (mark) zonke ii-ayithem zezixhobo zokusebenza nefanitshala, ngokukodwa izitulo zeplastikhi zeholo.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2012:11:05

"WCED 026A form"  (ubukhulu: 24 KB)
"WCED 026B form"  (ubukhulu: 21 KB)