1. |
Ngokungqinelana nenjongo ephambili yeSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka liqinisekise ukuba bonke abafundi baneencwadi zezifundo (textbooks) nezinto zokubhala eziyimfuneko ekuqaleni konyaka wesikolo ka-2013. |
2. |
Ukuphumeza le njongo, ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba iirikhwizishini zezikolo zazo zezincedisi zokufunda nokufundisa (learning and teaching support material (LTSM)) zingeniswa kwi-Ofisi yoku-Odola i-LTSM ungadlulanga owe-24 Agasti 2012. |
3. |
Izikolo zikarhulumente zinikwe ithuba loku-odola iincwadi zezifundo kwisifundo ngasinye kuzo zonke izifundo (ngaphandle kwezi iZakhono zoBomi noLwazi ngezoBomi) kwinkqubo yoku-odola kwi-CEMIS nakwi-iSAMS. Ii-odolo zamaBakala 4 no-6 kufuneka zingeniswe ungadlulanga owe-15 Agasti 2012. |
4. |
ISebe iWCED likhethe i-LTSM ebalulekileyo emayi-odolwe kuqala nedwelise apha ngezantsi. Kufuneka izikolo eziNgekho Phantsi kweSiqendu 21 zisebenzise imali eshiyekileyo ye-LTSM esisabelo sazo (esikhutshwa ngokweMimiselo neMigangatho (Norms & Standards)) uku-odola ezi ncwadi.
- Incwadi yesifundo seZakhono zoBomi (amaBakala 4 – 6) okanye yoLwazi ngezoBomi (kwiBakala 11) ngomfundi ngamnye
- Izikhokelo zootitshala zokongezelela zamaBakala 4 – 6 no-11
- Incwadi i-Foundation Phase Phonics Programme kwiKhathalogu kaZwelonke (National Catalogue)
- Iincwadi zokufunda ii-core readers/okanye ii-reading schemes zamaBakala 4 – 6 kwiKhathalogu kaZwelonke
- Iincwadi zokufunda zokongezelela (top-up readers) nee-reading schemes zamaBakala 4 – 3 no-10 kwiKhathalogu kaZwelonke
Le fom yekhwizishi eqhotyoshelwe apha inokusetyenziselwa le njongo.
|
5. |
Makulandelwe iinkqubo zokuthengwa kweempahla neenkonzo zizikolo eziphantsi kweSiqendu 21 nezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 (Section 21 and non Section 21 schools), njengoko kucacisiwe kwiiSetyhula zeSebe iWCED 0003 no-0004 zika-2012. |
6. |
Ziyakhunjuzwa kwakhona izikolo ukuba zibe nenkqubo yolawulo losetyenziso nokubuyiswa kweencwadi zezifundo ngabafundi esebenza ngempumelelo (efficient textbook management system) ukuqinisekisa ukuba iincwadi zezifundo zigcinwa ubuncinane iminyaka emithathu. |
7. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEZOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2012:08:17
|
|