1. ISetyhula 0025/2012, yomhla we-6 Julayi 2012, yazisa izikolo ngenjongo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) yokunika abafundi bamaBakala 4 – 6 abasezikolweni zikarhulumente iincwadi zezifundo (textbook) ezintlanu umfundi ngamnye, o.k.t. incwadi yesifundo kwisifundo ngasinye, ngaphandle kwezo zeZakhono zoBomi (Life Skills), ekufuneka zona zithengwe kwingxowa-mali yesikolo.
2. Apha kuqhotyoshelwe njengeSihlomelo A, ikhathalogu kazwelonke esekhompyutheni, eyakhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (national Department of Basic Education) (DBE), yeencwadi zezifundo nezokufunda (textbooks and readers) ezivunyiweyo zamaBakala 4 – 6.
3. Ukunceda izikolo ekukhetheni iincwadi zezifundo ezifanelekileyo, iSebe iWCED, libambisene nabapapashi, liya kwenza imiboniso yeencwadi kwiindawo ezikhethiweyo kuzo zonke izithili zemfundo phakathi kwe-30 Julayi ne-3 Agasti 2012. Le thebhile ilandelayo inika ingcaciso eyimfuneko ngale miboniso:

Umhla I-ofisi yesithili semfundo Indawo Ekuqhagamshelwana naye nefoni/iselula yakhe Ixesha
NgoMvulo,
30 Julayi
West Coast
  • Steynville Secondary School Piketberg

  • Vredendal, Primary School, Vredendal
  • Michelle Voster
    021 860 1546
    14:30-16:30
    NgoLwesibini,
    31 Julayi
    Metro South Metro South Education District Office, Plantation Road, Ottery (on Ottery Youth Care Centre premises) Walton Robertson
    021 370 2091
    082 462 5628
    14:30-16:30
    NgoLwesibini,
    31 Julayi
    Overberg Overberg High School, Caledon K. Bailey
    028 214 7318
    079 657 9654
    14:30-16:30
    NgoLwesibini,
    31 Julayi
    Eden & Central Karoo
  • Die Bult Skool, Langenhoven Street , George

  • Eden & Central Karoo Education District Office, cnr. Hoek van Vrede and Langenhoven Streets, Oudtshoorn

  • Nikko Brummer Primary School, Voortrekker Street, Beaufort West
  • Alta Raath
    082 925 0634
    14:30-16:30
    NgoLwesithathu,
    1 Agasti
    Metro Central Metro Central Education District Office, Alexander Precinct, Maitland Mackie Kleinschmidt
    021 514 6971
    082 772 3091
    14:30-16:30
    Metro North Metro North Education District, Timmermanstraat, Parow Geoffrey Figaji
    021 938 3011
    083 653 3660
    14:30-16:30
    NgoLwesithathu,
    1 Agasti
    Overberg Overberg Circuit Office, Swellendam, Andrew White Street, Swellendam K. Bailey
    028 214 7318
    079 657 9654
    14:30-16:30
    NgoLwesine,
    2 Agasti
    Metro East Metro East Education District Office, Nooiensfontein Road, Kuils River B. Schereka
    021 900 7185
    083 251 7297
    14:30-16:30
    NgoLwesihlanu,
    3 Agasti
    Cape Winelands Cape Winelands Education District Office, Durban Street, Worcester Sandra Ecksteen
    023 3484 683
    14:30-16:30
    4. Ifasilithi yoku-odola ngekhompyutha yamaBakala 4 - 6 ekwi-CEMIS okanye kwi-ISAMS, iya kusebenza kuphela ngethuba elisusela nge-1 – 15 Agasti 2012. Izikolo maziqinisekise ukuba ii-odolo zazo zifakiwe ekhompyutheni yaye zisayinelwe kwi-CEMIS okanye kwi-ISAMS phambi kowe-15 Agasti 2012 ukwenzela ukuba zingaphulukani neli thuba.
    5. Njengangoku azikho iincwadi zezifundo zeSayensi yeNdalo neThekhinoloji kwiKhathalogu kaZwelonke evunyiweyo. Izikolo ziya kunikwa ithuba loku-odola iincwadi zezi zifundo xa iSebe iDBE lenze safumaneka iSihlomelo seKhathalogu kumaphondo ngoSeptemba 2012.
    6. Ukongeza, izikolo, ziyacelwa kwakhona ukuba zisebenzise eli thuba ukujonga iincwadi zezifundo, iincwadi zokufunda (readers) neeprogram zokufunda ngezandi (phonic programmes) zamaBakala 1-3 zeCAPS ezivunyiweyo, eziya kuboniswa kwakhona kwimiboniso edwelisiweyo apha ngasentla. ISetyhula 0019/2012, yomhla we-24 Meyi, 2012, yayalela izikolo ukuba zisebenzise iimali zazo ze-Norms and Standards ukuthenga i-LTSM ebalulekileyo.
    7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


    ISAYINWE: NGU-M M HARKER
    USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
    UMHLA: 2012:07:27

    isiHlomelo A: "Grade 4 - 6 Catalogue"  (ubukhulu: 277 KB)