1. Ukwenzela ukuba kwenziwe uluhlu lwee-asethi ezishenxisekayo (movable assets), amagosa eCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo aya kutyelela zonke izikolo ezineeklasi ezizimobhayili (mobile classrooms).
2. Ezi klasi zizimobhayili ziya kufakwa iibhakhowudi yaye ziyacelwa zonke izikolo ukuba zibe nentsebenziswano ngokuthi zivume ukuba kungenwe kwezi klasi zizimobhayili.
3. Lo msebenzi uya kuqalisa ngoMvulo, we-17 Septemba 2012 nekufanele ukuba ugqitywe ungadlulanga owe-31 Oktobha 2012.
4. Ngenxa yokungxamiseka kwalo mba, amagosa eCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo aya kufuna kwakhona ukufikelela ezikolweni ngethuba eliqala nge-1 – 5 Oktobha 2012, ekulithuba elingexesha leeholide zesikolo.
5. Kunyanzelekile ukuba izikolo zifake eluhlwini kwiirejista zee-asethi zazo zonke iiyunithi ezikumasango azo (on their premises) ezingangqinelaniyo nenkcazo ethi iyunithi eyimobhayili. Isizathu soku kukuba ezi yunithi azisayi kuboniswa kwirejista yee-asethi yeSebe leMfundo leNtshona Koloni, kodwa kusafuneka ukuba zaziwe ukuba ziphi na.
6. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2012:09:12