1. |
Njengoko kwakwazisiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo le-IMGP 0006/2012, iinkcukacha zomntu ngamnye zawo onke amalungu anyuliweyo okanye atyunjiweyo (appointed) amabhunga olawulo ezikolo (school governing bodies (SGBs)) mazifakwe ngqo kwi-CEMIS. Le ngcaciso mayifakwe emva kwentlanganiso yokuqala yeSGB entsha. |
2. |
Okuqhotyoshelwe apha yincwadana i-user’s manual enika amanyathelo amakalandelwa xa kufakwa ezi nkcukacha zixeliweyo. Kucelwa uqaphele ukuba ukufaka ingcaciso ekhompyutheni makwenziwe ngumabhalana olapho esikolweni, emva koko ingqinisiswe ukuchaneka kwayo yinqununu nekufuneka iyisayinele kwisistim. |
3. |
Ilungelo lokufikelela kwiZiko leDatha lamaBhunga oLawulo eZikolo ekwi-CEMIS (School Governing Body Database on the CEMIS) liya kunikwa igosa lonyulo lesithili, neliya kungqinisisa ingcaciso esekhompyutheni ngokuyithelekisa nengcaciso enikwe ligosa lonyulo lesikolo emva kokugqitywa ngempumelelo konyulo lwe-SGB.
|
4. |
Iiprofayili zeeSGB zazo zonke izikolo zikarhulumente mazifakwe ekhompyutheni zisayinelwe ungadlulanga owe-30 Meyi 2012. Ukufumana uncedo malunga noku, ungaqhagamshelana noMnu Thandiso Pokolo kule nombolo yefoni 021 467 2289. |
ISAYINWE: NGU-L ROSE
UMLAWULI OYINTLOKO WEZITHILI ZEMFUNDO
UMHLA: 2012:04:30
|
 |