1. |
Zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezemfundo eneemfuno ezizodwa njengangoku zikwinkqubo yokunyula amabhunga olawulo ezikolo amatsha (new school governing bodies (SGBs)). Ziyakhunjuzwa zonke izikolo ukuba intlanganiso yokuqala ye-SGB entsha kufuneka ibanjwe zingadlulanga iintsuku eziyi-14 ukususela kumhla wonyulo. Kuloo ntlanganiso makunyulwe amagosa asezikhundleni. |
2. |
Iinkcukacha zawo onke amalungu e-SGB entsha mazifakwe ngqo kwiprogram eyenziwe ngokukodwa ye-CEMIS ungadlulanga umhla we-30 Apreli 2012. Kwixesha elizayo, yonke ingcaciso engokwakhiwa kwee-SGB okanye engotshintsho bamalungu ayo mayifakwe kwi-CEMIS. Incwadana yemigaqo yomsebenzisi (user’s manual), enika amanyathelo aya kulandelwa xa kufakwa iinkcukacha zamalungu e-SGB, iya kuthunyelwa ezikolweni kungekudala. |
3. |
Emva kokumiselwa kwe-SGB entsha, i-SGB ephumayo esikhundleni mayinikezele ngokusesikweni zonke iifayili ze-SGB nawo onke amanye amaxwebhu afanelekileyo kwi-SGB entsha. Inqununu, njengelungu lazo zombini ii-SGB, ephumayo nentsha, mayiqinisekise ukuba kulandelwa inkqubo echanekileyo yonikezelo ngokusesikweni. Amaxwebhu onikezelo ngokufanelekileyo nesatifikethi sonikezelo makazaliswe aze asayinwe ngabantu abachaphazelekayo. |
4. |
Ngokwesiqendu 18 soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996, onke amabhunga olawulo ezikolo makasebenze ngokomgaqo-siseko ongqinelanayo nezona mfuno zisezantsi ezimiselwe nguMphathiswa weMfundo wePhondo. Ziyakhujuzwa Ii-SGB ezisandula kunyulwa okanye kutyunjwa ukuba mazivume ngokusesikweni (ratify) umgaqo-siseko okhoyo okanye, ukuba kuyimfuneko, zenze ufakelo lwezilungiso kuwo. Ukuba kwenziwe izilungiso kumgaqo-siseko, makungeniswe ikopi yomgaqo-siseko ohlaziyiweyo kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo, ukulungiselela iinjongo zeerekhodi, zingadlulanga iintsuku eziyi-90 ukususela kwintlanganiso yokuqala ye-SGB entsha. |
5. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele Ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:03:23
|
 |