1. |
ILungu leSigqeba soLawulo (Member of the Executive Council (MEC)), uMphathiswa weMfundo eNtshona Koloni, lifuna ukubhengeza: (i) Ezona Mfuno ziSezantsi ziMiselweyo zoKwakhiwa kweBhunga loLawulo leZiko likaRhulumente (Minimum Requirements for a Constitution of a Governing Body of a Public Centre) kunye (ii) Imibandela emalunga noKunyulwa kwaMalungu eBhunga loLawulo leZiko likaRhulumente neSikhokelo soKusekwa, uKunyulwa neMisebenzi yeBhunga elimele abaFundi leZiko likaRhulumente (Matters Relating to the Election of Members to a Governing Body of a Public Centre and Guidelines for the Establishment, Election and Functions of a Representative Council of Learners of a Public Centre) |
2. |
U-MEC ucela izimvo zoluntu ngokubanzi malunga nala maxwebhu mabini asezidrafti, njengoko epapashwe kwiGazethi yePhondo 6952 yowe-23 Februwari 2012 (ikopi yawo iqhotyoshelwe apha). Ingafumaneka ikopi esekhompyutheni yale Gazethi yePhondo kweli ziko lewebhu leSebe iWCED apha http://wced.wcape.gov.za |
3. |
Umhla wokugqibela obekiweyo wokwamkelwa kwezimvo ngowe-20 Matshi 2012. |
4. |
Kuya kuthakazelelwa ukuba ungazisa onke amaqela achaphazelekayo ngesi sicelo silapha ngasentla ukuze asithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:02:29
|
 |