1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke liqulunqe isikhokelo sikazwelonke ukulungiselela unyulo lwamabhunga olawulo ezikolo ukwenzela ukuqinisekisa ungqinelwano kwiinkqubo zokutyunjwa nokunyulwa kwamabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente kuwo onke amaphondo.
2. Esi sikhokelo sikazwelonke sahlukile kwimiqathango ekhoyo ngoku ephathelele ekusekweni nakwimisebenzi yamabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente eyakhutshwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) yaza yapapashwa kwiGazethi yePhondo i-Provincial Gazette Extraordinary 6519 yowe-20 Meyi 2008, yabuya yafakelwa izilungiso siSaziso sePhondo 138/2009, kwi-Provincial Gazette No. 6624 yowe-24 Apreli 2009. Le miqathango yephondo iye ke ngoko yafakelwa izilungiso ukungqinelana noku.
3. Esi sikhokelo sikazwelonke sahlukile kwakhona kwimiqathango ekhoyo ngoku ephathelele kumabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente zabafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo, njengoko yapapashwa kwi-Provincial Gazette Extraordinary 6554 yowe-12 Septemba 2008. Nayo le miqathango yephondo iye kwakhona yafakelwe izilungiso ukungqinelana noku.
4. Ezi zilungiso zifakelwe kuzo zombini iisethi zemiqathango yephondo zipapashwe kwi-Provincial Gazette 6951 yowe-10 Februwari 2012. Ikopi yezi zilungiso zipapashiweyo iqhotyoshelwe apha.
5. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke oosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo kunye nabo bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:02:24

"Provincial Gazette 6951"  (ubukhulu: 339 KB)