1. Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukwazisa bonke ootitshala, iinqununu namalungu amabhunga olawulo lwezikolo ngesikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) sokuphucula isikolo. Isizathu sokuba kufakwe isikhokelo sokuphucula isikolo kwiprogram yezinto ezenziwa esikolweni sichazwe kwisiHlomelo A.
2. ISebe iWCED lifuna isikolo ngasinye sifake ubuncinane izinto zophuculo lwesikolo zibe ne njengenxalenye yeprogram yaso. Le program mayibandakanye imidlalo emibini ubuncinane. Abaphathi beze-IMG nabaququzeleli beprogram yophuculo lwesikolo baya kubeka esweni izikolo ukuba ziyangqinelana na nale mfuno engummiselo.
3. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zilawule oku kubandakanywa kweprogram yophuculo lwesikolo neeprogram zezemidlalo ngokusebenzisana ne-SGB.
4. Amalungu ebhunga elimele abafundi angatyunjwa ukuba ancedise ekulawuleni iiprogram zophuculo lwesikolo.
5. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nomphathi weze-IMG, nomphathi weekomiti zesekethe okanye nomququzeleli wophuhliso lwesikolo sakho kwi-ofisi yesithili semfundo yakho.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabasebenzi kunye namalungu e-SGB ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
USEKELA MLAWULI –JIKELELE:WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:02:08

isiHlomelo A: ISikhokelo soPhuculo lweSikolo  (ubukhulu: 83 KB)