1. |
Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo le-IMGP 0012/2009, yaye mayifundwe kunye noku kulandelayo:
- ISetyhula 0067/2004, ebhekiselele kwi-Staff establishments and the filling of parttime contract ABET posts
- INgcaciso eMfutshane yeCandelo le-IMGP 0003/2012, ebhekiselele kwi-Interpretation of REQV for educators at community learning centres
- ISahluko 5, iSiqendu 5.10.2 se-Procedure manual for centre managers and site coordinators.
|
2. |
Ibhunga lolawulo leziko limisela iireyithi zentlawulo yootitshala abangesosigxina kumaziko emfundo oluntu. |
3. |
Ayakhunjuzwa amabhunga olawulo ukuba akanako ukuhlawula ootitshala abangesosigxina intlawulo engaphantsi kwe-70% yereyithi yePersonnel Administration Measures (PAM), yaye mayingabi ngaphezulu kwereyithi yePAM. |
4. |
Iireyithi zePAM ezisebenzayo zezi zilandelayo:
REQV |
Ireyithi yePAM ngeyure |
I-70% yereyithi yePAM ngeyure |
10 |
R85.20 |
R59.64 |
12 |
R144.50 |
R101.15 |
13 |
R242.65 |
R169.86 |
|
5. |
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku kungasentla. |
ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:11:28
|
|