1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lisebenzisana ne-Western Cape Education Foundation (WCEF) liya kuqalisa ukusungulwa kweeprogram zophuhliso lobunkokeli kulutsha (youth leadership development programmes) eNtshona Koloni. Eli phulo liyimpendulo kwimfuno engamandla kwizithili zemfundo yokuba komelezwe amabhunga amele abafundi (RCLs) kwizikolo ezithile.

2. Kunyanzelekile ukuba ii-RCLs zibe luncedo ngakumbi yaye zithwale uxanduva lokukhuthaza abanye abafundi ukuba bayibone imfundo yabo njengezisa ithemba yaye bazimisele kuyo. Kukwathenjwa ukuba eli phulo liya kunceda izikolo ezichaphazelekayo ukuba ziyiphucule mpela indlela abaziphethe ngayo abafundi ezikolweni. Ootitshala abangamagosa oqhagamshelwano (ii-TLOs) badlala indima ebalulekileyo kwimpumelelo yeli phulo.

3. ICandelo loCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwaMaziko lithweswe umsebenzi wokuqinisekisa ukuba makubekho i-RCL esekiwe kwisikolo ngasinye esibhalise abafundi kumaBakala 8 nangaphezulu, njengoko kumiselwe kwisiqendu 11(a) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996), njengoko ufakelwe izilungiso. Ii-TLOs nee-RCLs zifuna uqeqesho nenkxaso eqhubeka okokoko ukwenzela ukomeleza ulawulo kuzo zonke izikolo zethu.

4. ICandelo leze-IMGP, lisebenzisana kunye neWCEF, lijonge ukwenza le misebenzi ilandelayo ngoMatshi 2012:
4.1 Iprojekthi elingwayo kwisithili semfundo iMetro East Education District ngenjongo yokuxhobisa ii-RCLs, njengee-arhente zotshintsho, ezinezakhono zobunkokeli. Izikolo ezilishumi elinesihlanu (15) ziya kukhethwa ngokungacwangciswanga ukuba zithathe inxaxheba kule projekthi. Izikolo ezikhethiweyo ziya kwaziswa ngeendawo zokudibanela kungekudala, ngokuthi kwaziswe iintloko ze-IMG zezithili zemfundo zazo.
4.2 Isemina yosuku olunye ecwangciselwe uMgqibelo we-17 Matshi 2012 ebandakanya ii-TLOs eziyi-200 ezivela kwizithili zemfundo ezisi-8, abaququzeleli bee-RCLs bezithili zemfundo, namalungu ekomiti yolawulo lwesikolo nawebhunga lolawulo lwesikolo ezikolo ezichaphazelekayo. Kule semina kuya kuxoxwa ngokuqulathwe kwincwadana yemigaqo yee-RCLs ehlaziyiweyo (revised RCL manual), kusingathwe umba ongemfundo efundisa ubunkokeli kulutsha (youth leadership education) kubandakanywe nentetho enika inkuthazo (inspirational talk). Umxholo wale semina uthi "Advanced youth leadership in schools" (oko kuthi, "Ukuqhubela phambili ubunkokeli kulutsha ezikolweni". Ii-TLOs ezinqwenela ukugcinelwa indawo kwisemina kucelwa ziqhagamshelane noNks Zoliswa Lonja kule dilesi ye-imeyili Zoliswa.Lonja@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2070.
4.3 Inkampu (camp) yeentsuku ezimbini yee-RCLs kwizithili zemfundo ezikhethiweyo icwangciselwe owe-23 nowe-24 Matshi 2012.
4.4 Uqeqesho lwee-TLOs njengabaququzeleli.

5. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noNks Zoliswa Lonja ngokuthi usebenzise iinkcukacha zoqhagamshelwano ezikuMhlathi 4.2 apha ngentla.

6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H Lyners
USEKELA MLAWULI -JIKELELE WOCWANGCISO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO
UMHLA: 2012:02:06

"TLO Forum on Advancing Youth Leaderhip in schools - Registration Form"  (ubukhulu: 52 KB)