1. Kukho iqela leebhasari ezivela kwiNgxowa i-Vic Bridges Foundation Trust Fund ezinokufunyanwa ngabafundi abakwiBakala 12 abanqwenela ukuqhubela phambili izifundo zabo eyunivesithi okanye ekholejini ngonyaka ka-2013. Kukhutshwa iibhasari ezisisixa-mali esiyi-R500,00 inye ngonyaka, yaye zinikwa okwethuba leminyaka emithathu.
2. Izicelo ziya kuqwalaselwa ngabathenjwa (trustees) yaye kuya kunikwa iibhasari eziya kukhethwa ngokuthi kujongwe ukuqaqamba komsebenzi (merit) kubenzi-sicelo abo. Intlawulo yebhasari ixhomekeke ekungenisweni kobungqina obuqinisekisiweyo bokuba (a) umenzi-sicelo ubhalise njengomfundi osisigxina kunyaka ochaphazelekayo kunye (b) neziphumo zakhe zoviwo zonyaka ongaphambili.
3. Ukuba ofumene ibhasari uyayeka ukufunda, mabaxelelwe abathenjwa ngencwadi ebhaliweyo. Ngako oko ke baya kubanelungelo, ngokwengqiqo yabo, ukufuna lowo ubenikwe ibhasari ukuba abuyise ezo mali ebesele ezihlawulelwe.
4. Ukuba, ngokoluvo lwabathenjwa, ayanelisi indlela aqhuba ngayo kwizifundo okanye indlela aziphethe ngayo lowo unikwe ibhasari, lilungelo labo ukuyihlutha ibhasari leyo.
5. Izicelo mazifike kule ofisi ungadlulanga owe-7 Disemba 2012, zingeniswe zibhalwe kule fom iqhotyoshelweyo. Eminye imibuzo malunga nokukule ngcaciso imfutshane ingabhekiswa kuMnu I Morkel kule nombolo yefoni 021 467 2768.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke bachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA-MLAWULI–JIKELELE WOQUQUZELELO NOPHUHLISO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:10:04

ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA SE- VIC BRIDGES FOUNDATION  (ubukhulu: 32 KB)