1. Intshayelelo
Unyulo lwamalungu amatsha amabhunga olawulo lwamaziko e-AET karhulumente belubanjwe ngo-Agasti nangoSeptemba 2012. Amabhunga olawulo lwamaziko amatsha (centre governing bodies (CGBs)) akhiwe ngokungqinelanayo neGazethi yePhondo yeSikhawu (Provincial Gazette Extraordinary) No. 6984, yomhla we-24 Meyi 2012.
2. Uqeqesho lwamalungu e-CGB amatsha
Onke amalungu ee-CGB ezisandula kunyulwa aya kufumana uqeqesho kwimisebenzi ejongene nawo. Olu qeqesho luya kwenziwa licandelwana le-AET ngo-Oktobha 2012. Imihla yoqeqesho neendawo zoqeqesho zezithili zemfundo zinikwe kwiSihlomelo P.
3. Inkqubo yokunikezelwa kweentambo zolawulo
Abaphathi bamaziko bayakhunjuzwa ukuba baqinisekisa ukuba i-CGB ephumayo inikezela ngokusemthethweni zonke iifayili zeCGB namanye amaxwebhu achaphazelekayo kwi-CGB entsha, njengoko kuyalelweyo kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo leze-IMGP 0013/2012.
4. Umbulelo kumalungu eCGB aphumayo
lCandelwana le-AET linqwenela ukuvakalisa umbulelo walo ongazenzisiyo kuwo onke amalungu olawulo aphumayo ngenkonzo exabiso lingathethekiyo ayenzileyo kumaziko ngethuba lokubasesikhundleni kwawo.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:10:02

Gazethi yeSikhawu yePhondo leNtshona Koloni No. 6984  (ubukhulu: 338 KB)
Isihlomelo P: "Training schedule for new AET CGBs"  (ubukhulu: 16 KB)