1. Intshayelelo
ILungu leSigqeba soLawulo (Member of the Executive Council (MEC)) limisele, ngokweziqendu 9 no-19(2) zoMthetho we-AET 2000 (uMthetho 52 ka-2000) imiba emalunga nonyulo lwamalungu ebhunga lolawulo leziko le-AET likarhulumente kunye nesikhokelo sokusekwa, unyulo nemisebenzi yebhunga elimele abafundi (funda i-Provincial Gazette Extraordinary No. 6984 yowe-24 Meyi 2012).

Ukongeza, kwaye kwaqulunqwa iSikhokelo sePhondo, ukungqinelana neGazethi yePhondo, saza emva koko sathunyelwa kumaziko ukulungiselela unyulo lwamabhunga olawulo (funda iNgcaciso eMfutshane yeze-IMGP 0012/2012).

2. Ukuphela kwethuba lokubasesikhundleni
Ithuba lokuba sesikhundleni lawo onke amaBhunga oLawulo amaZiko e-AET karhulumente (public AET Centre Governing Bodies (CGBs)), kubandakanywa namabhunga olawulo asanda kunyulwa, liza kuphela kulo nyaka umiyo ngoku, ka-2012. Kufuneka kunyulwe ii-CGB ezintsha kuwo onke amaziko karhulumente.

Unyulo lweeCGBs ezintsha lufanele ukuqala ngoLwesithathu we-1 Agasti 2012 yaye malugqitywe nge-31 Agasti 2012.

3. Uqeqesho lwamaGosa oNyulo
Uqeqesho lwawo onke amagosa onyulo (o.k.t. iiNtloko ze-IMG, aBaphathi be-AET IMG naBalawuli bamaZiko) luya kuqhubela nge-28 nange-29 Juni 2012 e-CTLI. Iinkcukacha ezingaphezulu ngeprogram yoqeqesho ziza kunikwa kungekudala.
4. Inkqubo yokunikezela iintambo zolawulo (Handing-over process)
Emva kokwenziwa kweCGB entsha, iCGB ephumayo mayinikezele ngokusesikweni zonke iifayili namanye amaxwebhu achaphazelekayo kwiCGB entsha. Umphathi weziko, njengelungu lazo zombini, iCGB ephumayo neCGB entsha, makaqinisekise ukuba kulandelwa inkqubo echanekileyo yokunikezela iintambo zolawulo. Makuzaliswe amaxwebhu okunikezela iintambo zolawulo achanekileyo nesatifikethi esichanekileyo (funda isiHlomelo A), yaye makasayinwe ngabantu abafanelekileyo.
5. Ukwakhiwa kwebhunga lolawulo
Ngokwesiqendu 8(7) soMthetho we-AET, 2000, ibhunga lolawulo leziko likarhulumente lisebenza ngokomgaqo-siseko nekufuneka ungqinelane nezona mfuno zingummiselo zisezantsi ezimiselwe nguMphathiswa (funda iGazethi yePhondo 6984 yowe-24 Meyi 2012). Ayakhunjuzwa amabhunga olawulo (CGBs) asanda kunyulwa ukuba awuvume umgaqo-siseko okhoyo okanye enze izilungiso kuwo ukuba kuyimfuneko oko. Ukuba kwenziwa izilungiso kumgaqo-siseko, ikopi yomgaqo-siseko ohlaziyiweyo mayingeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo, ukulungiselela iinjongo zeerekhodi, kwiintsuku eziyi-90 zentlanganiso yokuqala yeCGB entsha.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO
UMHLA: 2012:06:21

"Adult Basic Education and Training Act 52 of 2000"  (ubukhulu: 477 KB)
Gazethi yeSikhawu yePhondo leNtshona Koloni No. 6984  (ubukhulu: 338 KB)
isiHlomelo A: "Handover certificate from outgoing CGB chairperson to newly elected CGB chairperson"  (ubukhulu: 30 KB)