1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukucebisa iinqununu zezikolo, amabhunga olawulo ezikolo (ii-SGB) namagosa ezithili zemfundo ngenkqubo yobhaliso lwabafundi kwangoko bebhalisela unyaka wesikolo ka-2013. Ichaphazela ikakhulu abo bantwana bangena esikolweni okokuqala ngqa, abo baqala ukungena kwisikolo esiphakamileyo kunye nabo batshintsha izikolo. (Kucelwa ufunde lo mgaqo-nkqubo WCED Policy for the Management of Admission and Registration of Learners at Ordinary Public Schools, owawuqhotyoshelwe kule Setyhula 0026/2010.)

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liluthatha ubhaliso kwangoko njengeprayorithi ephambili yokuqala unyaka oyimpumelelo kumsebenzi wokufundisa nokufunda. Ukusetyenziswa ngokupheleleyo nangeyona ndlela inenzuzo enkulu kwexesha lokufundisa kunyaka wokufunda kuyimfuneko ukwenzela ukuphucula indlela umfundi aqhuba ngayo yaye ke ngoko kubalulekile ukuba abafundi babhalise kuselithuba elide phambi kokuphela kuka-2012.

3. Bayakhuthazwa abazali nabagcini babantwana ukuba basebenzise amalungelo neemfanelo zabo xa kubhaliswa abantwana babo ezikolweni:

  1. Luxanduva lwabazali nabagcini babantwana ukubhalisa abantwana ukulungiselela unyaka wesikolo olandelayo ukuba baza kungena kwiBakala 1, baza kutshintsha isikolo (njengokungena kwiBakala 8 okanye 9) okanye xa befudukele kwenye indawo ekummandla omtsha (new geographical area).

  2. Abazali kunye/okanye abagcini babantwana mabawuqonde umahluko phakathi komntwana “obhalisiweyo” nomntwana ofakwe “kuluhlu lokulinda”. Ukuba kuluhlu lokulinda akuyongqinisekiso yokuba umfundi uya kwamkelwa kweso sikolo.

  3. NgokweSiqendu 3(1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act, (Act 84 of 1996)), ukuhamba isikolo kunyanzelekile kubo bonke abafundi ukuqalela kusuku lwesikolo lokuqala lonyaka apho umfundi aza kuba neminyaka esixhenxe yobudala.

  4. Isiqendu 5(4)(a) salo Mthetho simisela ukuba ubudala bokwamkelwa komfundi kwisikolo sikarhulumente
    1. kwiBakala R yiminyaka emine xa eza kugqiba iminyaka emihlanu nge-30 kaJuni ngonyaka wokwamkelwa kwakhe; yaye
    2. kwiBakala 1 yiminyaka emihlanu xa eza kugqiba iminyaka emithandathu nge-30 kaJuni ngonyaka wokwamkelwa kwakhe.

      Obu bobona budala BUSEZANTSI ekungavunywa ngabo ukwamkelwa kwabo.

  5. Abazali nabagcini babantwana mabaqale kuqala bathethe ngqo nesikolo apho umntwana wabo banqwenela ukumbhalisa kuso. Kodwa ke, ukuba ngaba bafumana ingxaki ekubhaliseni abantwana babo bebabhalisela u-2013, bangathetha ne-ofisi yesithili semfundo saloo ndawo yabo bacele uncedo. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zinokufunyanwa kwisikolo eso.

  6. Kuthathwa ngokuba umfundi obhalise esikolweni njengangoku uya kuqhubeka kweso sikolo ade afikelele kwibakala lokuphuma apho kuso (exit grade). Ezinye izikolo zifuna abazali baqinisekise ukuba umfundi uya kuba kweso sikolo nakunyaka olandelayo. Kwimeko enjengale, inqununu yesikolo nebhunga lolawulo lesikolo mababazise abazali malunga nale mfuno.
4. Iinqununu zezikolo neeSGB mazazise abazali nabagcini babantwana ukuba ukubhalisela u-2013 kunezigaba ezibini:

  1. Isigaba sokuqala siqala ngosuku lokuqala 1 Matshi size siphele nge-30 Juni 2012. Ezinye izikolo zingakhetha ukuyiqala kwangoko le nkqubo.

  2. Isigaba sesibini sikwikota yesithathu, nesiqala ngoMvulo wokugqibela kuJulayi size siphele ngeveki yesikolo yokugqibela kuSeptemba.
5. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba mazibe seziziphendule zonke izicelo zesigaba sokuqala ungadlulanga owe-30 Juni 2012, ukwenzela ukuba abazali nabagcini babantwana babe nexesha elaneleyo lokukhangela ezinye izikolo abanokubhalisa kuzo abantwana babo.

6. Ziyacelwa iinqununu neeSGB ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, abazali nabagcini babantwana.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2012:03:06