1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likuxabisile ukuzimisela kwabaqeshwa benkonzo karhulumente ekwandiseni ulwazi lwabo ngezemfundo nasekuphuhliseni izakhono zabo.

2. Ngenxa yesi sizathu, iSebe iWCED lincedisa abaqeshwa ngemali ukuba baqhubele phambili ngezifundo zabo kwaye licela abaqeshwa benkonzo karhulumente abanqwenela ukwenza izifundo ngokungesosigxina (part-time) ngo-2013 ukuba benze izicelo zeebhasari.

3. Iibhasari ziya kunikwa abenzi-sicelo kuphela ukuba:

  • bangabasebenzi abaqeshwe ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente (103/1994);
  • baqeshwe ngokusisigxina liSebe iWCED;
  • bayahlangabezana nemiqathango yokwamkelwa yeziko lemfundo elichaphazelekayo;
  • bazimisele ukwenza izifundo ngokungesosigxina ngo-2013;
  • abafumani bhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari kwaye
  • bangabemi baseMzantsi Afrika.
4. Zonke izicelo ziya kuphononongwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Ukufaneleka kwenkalo yezifundo ekujoliswe kuyo ngokunxulumene neemfuno zangoku nezexesha elizayo zeSebe iWCED
  • Imfuno yecandelo elichaphazelekayo yezakhono ezithile okanye ezinqabileyo
  • Ubulungisa kwezengqesho (ngokohlanga, isini, ukhubazeko)
  • Ukufaneleka kwezifundo kwinkcazo yomsebenzi othile
  • Ukufaneleka malunga nokuphucula izakhono zokusebenza
  • Ezinye iziqinisekiso
  • Amanqanaba omvuzo
  • Izifundo zasemva kwesidanga sokuqala xa kuthelekiswa nezifundo ezikhokelela ekuphumeleleni isidanga sokuqala
  • Ingcebiso yesuphavayiza, nekufuneka iqhotyoshelwe kwisicelo
  • Ukufumaneka kwemali
  • Iimfuno zoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho, 1998 (uMthetho 55 ka-1998)
  • (Employment Equity Act) (uMthetho woPhuhliso lweZakhono, 1998 (uMthetho 55 ka-1998) kunye neminye imithetho echaphazelekayo
5. Sinqwenela ukutsalela ingqondo yabo bangaba ngabenzi-sicelo seebhasari kwezi nkalo zokufunda zilandelayo, apho kukho ukunqongophala kwabasebenzi abaqeqeshiweyo kunye/okanye imfuno yesebe:

INo. UHLOBO LWESIQINISEKISO INKALO YESIFUNDO
1. Isidanga / Idiploma Industrial psychology
2. Isidanga / Idiploma Supply chain management or procurement management
3. Isidanga / Idiploma Financial management, financial management systems, accounting, auditing
4. Isidanga / Idiploma Office management and technology, information management systems
5. Isidanga / Idiploma Quantity surveying

6. Ngasinye isicelo sebhasari masibe nala maxwebhu alandelayo:

  • Ifom ezalisiweyo yeSicelo seBhasari yokuFunda (ikopi yefom iqhotyoshelwe apha)
  • Uqikelelo lweendleko zokufunda olubhaliweyo (ezobhaliso, ezezifundo nezinye Iindleko ezinxulumene nezifundo) zonyaka wezifundo ka-2013. Le ngcaciso iyafumaneka kumaziko emfundo ephakamileyo.
  • Ingcebiso yesuphavayiza ebhalwe kwifom IsiHlomelo A ezalisiweyo (Ikopi yesihlomelo iqhotyoshelwe apha).
7. Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo ungadlulanga uLwesithathu we-31 Oktobha 2012:

  Head: Education
For attention: Mr AM Shasha / Mrs NP Funani
Directorate: Human Resource Management
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

8. Izicelo zinokufakwa kwakhona kwibhokisi yeposi ebhalwe "Public Service Bursaries" kwicandelo laBenzelwa iiNkonzo lakwaNdlunkulu, kumgangatho 2 (ongasentla kwasePosini), e-Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town.

9. Izicelo ezifike emva kwexesha elibekiweyo, ezingabhalwanga zonke iinkcukacha, ezithunyelwe ngefeksi okanye engabonakaliyo into ebhalwe kuzo azisayi kuqwalaselwa.

10. IKomiti yeeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo ize emva koko yenze ingcebiso malunga nokukhutshwa kweebhasari. Imali eyabelwe ibhasari ayisayi kuba ngaphezu kweefizi zobhaliso nezokufundiswa, kodwa oko kungathethi ukuba kuya kuhlawula zonke iindleko. Inani lezicelo zeebhasari elifunyenweyo kunye nemali ekhoyo ziya kusetyenziselwa ukufikelela esigqibeni ngenani leebhasari elikhutshwayo.

11. NgaBaphathi aBakhulu beSebe iWCED abaya kunika imvume yokugqibela ngenani leebhasari eliya kukhutshwa.

12. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.

13. Imbalelwano iya kuthunyelwa kuphela kubenzi-sicelo abaphumeleleyo. Ukuba akwenziwanga qhagamshelwano nawe kwiiveki ezi-5 emva komhla wokuvala, kuthathe oko njengokubonisa ukuba isicelo sakho asibanga yimpumelelo.

14. Musa ukuthandabuza qhagamshelana nabantu abakhankanywe kwiletahedi yale ngcaciso imfutshane ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngeskim seebhasari.

15. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abakwicandelo lakho bayakwazi okukule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-P VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:09:27

"Public Service Act (Act 103 of 1994)"  (ubukhulu: 183 KB)
"Employment Equity Act (Act 55 of 1998)"  (ubukhulu: 1 407 KB)
"Skills Development Act (Act 97 of 1998)"  (ubukhulu: 282 KB)

"Application for study bursary"  (ubukhulu: 87 KB)
"Annexure A: Supervisor's recommendation for a bursary for part-time study"  (ubukhulu: 24 KB)