1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyakuqonda ukubaluleka kokunika abaqeshwa balo isikhokelo nenkxaso eyimfuneko yokuphila ngendlela yokuba sempilweni entle. Ngako oko ke, isebe lemfundo liye lathi, njengenxalenye yoRhulumente weNtshona Koloni, lafaka igalelo kwakhona ngokuxhasa ngemali iprogram yempilo qete yabasebenzi, enika inkonzo yamahala ngefoni iiyure eziyi-24 ngosuku kubo bonke abaqeshwa nebanika inkxaso nengcaciso nalapho izinto zigcinwa ziyimfihlo. Injongo yoku kukunika isikhokelo noncedo kwiingxaki zomntu ngamnye nakwiingxaki zezentlalo ezichaphazela intsebenzo kunye nempilo qete yomntu ngamnye.

2. Le program inika isikhokelo nenkxaso ngemiba eliqela enxulumene, nebandakanya le ilandelayo:

  • Imiba yezobudlelane
  • Ukuqaphela uxinzelelo (stress), inkxalabo (anxiety) nokudandatheka (depression)
  • Ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi notywala
  • Impatho-mbi
  • Ulawulo lwemali
  • Ukuswelekelwa
  • Ingcebiso nge-HIV ne-AIDS
3. Le nkonzo ingafumaneka ngokuthi ufonele kule foni yamahala 0800 111 011 evuleleke iiyure eziyi-24 ngosuku. Kubaqeshwa abafuna ingcebiso yeengcali ubuso ngobuso (clinical face-to-face counselling), banikwa iiseshoni eziya kutsho kwezi-6 ngomba ngamnye. Ukongeza koku kukwakho ne-e-care service efumaneka kwi-Intanethi apha http://wcg.healthinsite.net

4. Ezi nkonzo zikhankanywe apha ngaphambili zezamahala kubo bonke abaqeshwa beSebe iWCED yaye zenziwa ngumboneleli-nkonzo ozimeleyo, i-ICAS, olilungu le-Employee Assistance Professionals Association nokwangqinelanayo nemigaqo yalo mbutho.

5. Kuya kuthakazelelwa ukuba abaphathi neentloko zamaziko bangaqinisekisa ukuba iiphowusta ezinikwa zonke ii-ofisi namaziko emfundo zixhonywa endaweni esemboniselweni ukuze zibonwe ngabasebenzi, nokuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke abaqeshwa beSebe iWCED ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:09:04

Wamkelekile kwinkonzo yakho yempilo qete  (ubukhulu: 154 KB)